Tru Fm Current Affairs

News

Latest on US and Iran war

Abaphathiswa abajongene nemiba yamazwe angaphandle nabaphuma kumazwe angamashumi amane aquka iBrithane, iJamani, Canada neIndia phakathi kwamanye, babambe indibano ezakuza namaqhinga okuzama ukuvula umzila iStrait of Hormuz. IStrait of Hormuz kulapho iinqanawe ezithutha amafutha aquka ipetula, idiesel kwakunye nerhasi zinqumla khona. Ngumyinge we-20 percent wehlabathi oxhamlayo kwi-Oli yase-Iran kuquka neMelika. Umlo phakathi kweMelika neIran, wenza kubenzima ukuba ihlabathi lifumane iOli. Kodwa umphathiswa wase-Iran ojongene nemicimbi yangaphandle uthi nabani na uvumekile ukuba afumane iOli kwelalizwe ngaphandle kwabo babahlaselayo. Yiveki yesihlanu kugquba imfazwe phakathi kweIran, iMelika kwakunye noSirayeli. UAmanda Xhala uncokola nengcali kwimiba yamazwe angaphandle, ugqirha Thelela Ngcethane-Vika.

12:19

INTERCHANGE - Book Review with Alulutho Majali the author of the book called "The SEED".)

Kuhlalutyo lwencwadi kule mpelaveki, sijonge incwadi enesihloko esithi "THE SEED", ebhalwe ngu Alulutho Majali. Le ncwadi ibalisa ngemingeni athe wagagana nayo umbhali ekukhuleni kwakhe, emva kokushiywa ngumamakhe eselula, kwakunye nempatho-mbi awayifumana kubantu ekwakufanele ukuba bayamkhusela. Emnxebeni kungokunje uAyabonga Kekana ubambe uMajali, ukuze asicacisela banzi ngale ncwadi...

08:20

TRUNEWS @6 - The Eastern Cape Department of Transport will roll out a series of targeted roadblocks across key routes in the province

Nje ngenxalenye yeenzame zokuphucula ukhuseleko ezindleleni, kwa nokucutha iingozi zendlela ngeli xesha lePasika, iSebe lezothutho kwiphondo iMpuma Koloni libambe uthotho lweenkqubo zovalo lwemigaqo esetyenziswa kakhulu ngabaqhubi kweli phondo. Ezi roadblocks ziyinxalenye yephulo iArrive Alive, nelijoliswe ekuqinisekiseni ukuba abasebenzisi bendlela bafika bekhuselekile kwiindawo abaya kuzo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni u-Amanda Xhala ubambe othethela iSebe lezothutho kwiphondo, u-Unathi Binqose...

05:57

We speak with the CRL Commission on what should be done to protect congregants from cult churches

Ukuyeka kwabantu imisebenzi, abantwana bayeke izikolo, abagulayo bayeke ukusela amayeza abo ngenxa yenkolo yabo nenkolelo yabo kuphinde kwaphantsi kwesithatha kwakhona. Oku kuza emva kweengxelo zokuba kukho abantu abangaphaya kwamashumi amahlanu abenze oku, bambi bade bashiya namaqabane abo ngeliyokuzibandakanya nebandla i-Ekhaya Labafundi bakaJehovah, nelizinze kuMntla weTheku, KwaZulu-Natal. Sithe masikrwece iKomishoni ethwaliswe uxanduva lokukhusela inkolo, inkcubeko, amasiko kunye neelwimi neyaziwa njenge-CRL Commission. UAmanda Xhala uncokola nosihlalo wale komishoni uThoko Mkhwanazi-Xaluva…

09:12

Commuters may have to pay more as fuel hikes affect the taxi industry

Umbutho omele abo bakwicandelo loshishino lwee-taxi iSANTACO, uthi uxhalabile kukwenyuka kwamaxabiso amafutha ezithuthi, nefuthe elinokubakho kwinkonzo yezothutho abanikezela ngayo kubakhweli beli. Imfazwe egqubayo kwi-Middle East ibangele ukwenyuka kwamaxabiso e-oli kwihlabathi, nto leyo ebangele ukwenyuswa kwamaxabiso amafutha ngokothusayo kweli. Zombini iintlobo ze-Petrol zenyuswe ngemali ebalelwa kwi-three rands six cents ilitha; ngeli lixa zombini iintlobo ze-diesel zenyuswe nge-seven-rands-37 cents ne-seven-rands-51 cents ilitha. UAmanda Xhala uncokole nothethela iSANTACO kuzwelonke, uRebecca Phala…

06:49

Reaction from Lukhanyo Calata on the dismissal of former presidents application in the TRC cases inquiry matter

Sichithiwe isicelo sokususwa kukaJustice Sisi Khampepe njengejaji echophele ukuphandwa kwamatyala ekomishoni yenyani noxolelaniso. Esi sicelo sikhatywe yinkundla ephakamileyo yaseRhawutini. Ababesakuba ngoomongameli beli, uJacob Zuma noThabo Mbeki, bafaka esi sicelo ngelithi makasuswe, kwaye izigqibo ezisele zithathiwe zibekelwe bucala. Inkundla ifumanise ukuba basilele ukulandela iinkqubo ezizizo zomthetho, kungoko isicelo sabo sichithiwe. Sithe masikrwece iintsapho ezichaphazelekayo sive uluvo lwabo ngoku. UAyabonga Kekana uncokole nothethela usapho lakwaCalata, uLukhanyo Calata... 

08:27

The Public Service Commission tabled its report before the Eastern Cape Provincial Legislature

Ikomishoni ejongene nomsebenzi weenkonzo zikarhulumente, iPublic Service Commission ithe thaca ingxelo kwindlu yowiso-mthetho eMpuma Koloni emayela nomsebenzi wayo wophando ochaphazela isebe lezemfundo nelezempilo ephondweni. Masincokole ngeziphumo nezindululo zoluphando nomkhomishinala we-PSC ephondweni uVuyani Mapolisa...

11:31

Portfolio Committee on Co-operative Governance has flagged accountability concerns at Nelson Mandela Bay Metro

Usodolophu womasipala ombaxa iNelson Mandela Bay eMpuma Koloni, uBabalwa Lobishe uvumile ukuba ukutyikitya kwakhe isivumelwano sokuqeshisa nge-transformer kwinkampani iCoega Steel, usityikitye ngaphandle kokulandela iinkqubo zomthetho, ezithi mayibelibhunga lo masipala elithatha isigqibo ngoku. Nangona uLobishe evumile ukuba akwenzileyo akukho mthethweni nje, kodwa usikhusele isigqibo sakhe. Masimve ngethuba ephendula kwimibuzo kasihlalo wekomiti ethwaliswe uxanduva lokujonga umsebenzi wesebe lorhulumento ngentsebenziswano ePalamente uGqirha Zweli Mkhize, oqale ngokutyikitywa kwesi sivumelwano nguLobishe…

06:07

We unpack the Eastern Cape Provincial Budget

Kutshanje, umphathiswa wezezimali kwiphondo iMpuma Koloni, uMlungisi Mvoko, uwise uhlahlo-lwabiwomali lwephondo, nolubonwa nje ngolusekelezelwe kwiimfuno zoluntu. Olu lwabiwo-mali, noluxabisa malunga ne R105 billion, lugxile kuphuhliso lweziseko, ukuveliswa kwezithuba zengqesho, nokuxhasa abantu abangathathi-ntweni, phakathi kwezinye izinto. Lukwagxile ekulawuleni inkcitho karhulumente ngokuthi uhlumo loqoqosho luhambelane nohanjiso lweenkonzo. Ukuxoxa banzi ngolu hlahlo-lwabiwomali, uAyabonga Kekana uncokola nomphathiswa uMlungisi Mvoko...

42:00

30 MINUTES LIVE - BUDGET SPEECH COMPETITION

Nanjengoko kulindeleke ukuba umphathiswa wemicimbi yezemali awise uhlahlo lwabiwo-mali lwakhe lwalo nyaka, namhlanje sithe khe sithethe banzi ngokhuphiswano olubanjwa minyaka le, iNedbank and Old Mutual Budget Speech Competition. Emnxebeni, uAmanda Xhala ubambe omnye wabafundi abaye bathabatha inxaxheba kolu khuphiswano, uAphiwe Dabula... 

07:33

Learners at Qokolweni Senior Secondary School in Mthatha are accusing their school of ill-treatment and sexual abuse.

Abafundi baseQokolweni Senior Secondary eMthatha, eMpuma Koloni, batyhola ootitshala ngokubaxhaphaza ngokwesondo, iintetha ezingqwabalala,  kwanokucelwa ukuba baphulule ootitshala inyawo zabo. Ukanti ababafundi bakwatyhola ngelithi bahlawuliswa imali emasangweni esikolo xa befike emva kwexesha esikolweni, logama kukwakho nenkxalabo ngenkqubo yokutyisa abafundi, nalapho besithi abanye abafundi bashiyeka bengafumani kutya ngenxa yokuba ootitshala bayaziphakela. UAyabonga Kekana uncokole nelungu leSGB uPumza Fatsha... 

06:07

Future discussions on allowing access to the retirement pot of savings in the two pot retirement system

I-ofisi kanondyebo iceba ukubamba iingxoxo ngokuvunyelwa kwabasebenzi ukuba bakwazi ukufikelela kwingxowa mali ongenakufikelela kuyo de uthathe umhlala phantsi ( retirement pot). Eli sebe lithi lemali iyakufunyanwa ngabo baphantsi koxinizelelo olumandla. Ngokwangoku, abasebenzi bayakwazi ukufumana kwenye yezimbiza zintathu ezikulengxowa yomhlala phantsi. Umbutho wabasebenzi iCOSATU, uyayixhasa lembono. Ngokwengxelo ye-arhente ye rhafu uka-SARS, bayi 5.6 million abantu abasele befake izicelo ukusukela kunyaka ka2024 ukuzakutsho ku2026. UAyabonga Kekana uncokola  nothethela iCOSATU, uZanele Sabela. 

10:16

30 Minutes Live| Eastern Cape Department of Health to roll out HIV prevention jabs at 49 clinics across the province

Isebe lezempilo eMpuma Koloni liza kukhupha isitofu esitsha sokuthintela i-HIV nesibizwa nge Lenacapavir, kwiikliniki ezingama shumi amane anesithoba kweli phondo. Esisitofu siluhlobo lwe Pre-exposure prophylaxis(PrEP) olusebenza ixesha elide, sizakutofwa kwabini ngonyaka engaweni yokuthatha iipilisi.  Bangapha kwamawaka asibhozo kweli phondo abantu abazakuxhamla kwisigaba sokuqala salenkqubo. Ayabonga Kekana uncokola  noyiHIV prevention manager kweli sebe, uLiziwe Lunyawo...

07:30

ALFRED NZO MAYOR ON NEWSREVIEW

Ku NewsReview kulempela veki u Ayabonga Kekana wenze udliwano ndlebe nosodolophu osandulukungena kumasipala i Alfed Nzo Municipality u Tsileng Sobuthongo...

45:32

Police Minister Senzo Mchunu is ready to resume his political duties in the African National Congress

Isithethi somphathiswa wenkonzo yesipolisa obekwe kwikhefu elikhethekileyo, nokwalilo nelungu lesigqeba solawulo kwi-ANC, uSenzo Mchunu, singqinile ukuba uMchunu ukulungele ukubuyela emsebenzini wakhe embuthweni. USithembiso Mshengu nosisithethi sikaMchunu uthi bazakubhalela unobhala-jikelele we-ANC bamazise ngesigqibo sakhe. UMchunu waye wabekwa kwikhefu elikhethekileyo kulandela isigqibo sakhe sokubhangisa iPolitical Killings Task Team ngo-December ka-2024, nangenxa yezityholo zobudlelane bakhe nabatyholwa ngokuba yinxalenye yemikhambathi yoonqevu. UMchunu waye wacela ukuthi gu nakwiinkqubo ze-ANC ukuze ahlambe igama lakhe. Waye wavela phambi kwekomiti yethutyana ePalamente ephanda ezi zityholo, nakwikomishoni kaMadlanga kunyaka odlulileyo. Apha enkqubeni siye sancokola nomhlalutyi wezopolitiko uGqirha Xolisile.

05:54

30 MINUTES LIVE - NMB marked as the epicenter of insurance killings

Iphondo iMpuma Koloni, ingakumbi ingingqi iNelson Mandela Bay Metro, ibonwa njengeyona ndawo enamanani aphezulu okubulawa kwabantu ngeenjongo zokufumana ibango kwi-insurance. Angapha kwamashumi amathandathu amatyala okubulawa kwabantu ngenxa yokufuna imali ye-insurance, aphandwayo eNelson Mandela Bay. Ngenxa yoku, umkhomishinala wenkonzo yesipolisa kuzwelonke, uGeneral Fannie Masemola, uyalele inkonzo yesipolisa ephondweni ukuba imilisele iqela lethutyana elizakuphanda ulwaphulo-mthetho olumayela noku. On the line now Ayabonga is joined by the national SAPS spokesperson, Brigadier Athenda Mathe…

07:40

30 MINUTES LIVE - Teachers posting pupils on social media posing significant safety, privacy and legal risks.

Ukupapashwa kwemifanekiso okanye iifoto, kuquka ii-vidiyo zabafundi kumakhasi onxibelelwano ngootitshala kuphakamisa inkxalabo malunga nokhuseleko lwabantwana, kwanokuba bayifumene na imvume yokwenza oko kusini na (consent). Nangona abanye ootishala besithi injongo kukubonisa imisebenzi yezikolo kunye nempumelelo yabafundi, oku kuvusa imibuzo yokuba le ndlela ayiyophuli na imigaqo yezikolo okanye amalungelo abafundi. Lo mba ubangele ingxoxo-mpikiswano malunga nokuziphatha kootishala kweli xesha lokusetyenziswa kobuchwepheshe bonxibelelwano, kunye neziphumo ezinokubakho kootitshala abapapasha imifanekiso yabafundi ngaphandle kwemvume. Emnxebeni, uAyabonga Kekana ubambe isithethi sombutho wootishala iSADTU, uNomusa Cembi... 

07:36

TRUNEWS @6 - Eastern Cape Transport MEC visits family members of the five deceased.

Amalungu osapho lwabantu abahlanu abaphulukene nobomi kwingozi emasikizi eyehle kuhola wendlela uN6 phakathi kweCumakala nedolophu yaKuGompo, kwiphondo iMpuma Koloni ngeCawa, athi kusenzima ukuzamkela ezi ndaba zibuhlungu kangaka. Abanye abantu abangamashumi amathandathu bonzakele ngokumasikizi, emva kukuba ibhasi nesithuthi esincinci zingquzulene kwasweleka bonke abantu abebekwe sisithuthi. Usapho lwabafi belulungiselela umngcwabo welinye ilungu losapho ngexa kusehla le ntlekele. UAbongile Jantjies uza nengxelo... 

01:45

TRUNEWS @6 - Mosiuoa Lekota remembered as a brilliant organiser by his comrades and friends

Izihlobo namaqabane alowo ungasekhoyo obengumseki wombutho i Congress of the People, u  Mosiua Terror Lekota, zimkhumbule njengomququzeleli ophum'izandla ngethuba kubanjwe inkonzo yakhe yesikhumbulo kwibandla lamakatolika, i Regina Mundii, eSoweto namhlanje. uNtebo Mokobo ebelapho wasenzela lengxelo iza no Thandokazi Vusani

03:28

ECHRC subpoenaed the Provincial Health Department to address widespread challenges across several healthcare facilities

Ikomishoni yamalungelo oluntu eMpuma Koloni, izolo ikhwebe isebe lezempilo ephondweni kwintlanganiso ebifuna ingcaciso kuyo ngokufeda kwesebe kwiinkqubo zalo zokubonelela ngeenkonzo zempilo, kuluntu lwephondo. Oku kulandela ukufakwa kwezikhalazo luluntu lwephondo ngemingeni olujamelana nayo xa lundwendwele amaziko esebe abonelela ngeenkonzo zempilo. Masincokole nosihlalo wale komishoni ephondweni, uGqirha Eilen Carter…

04:19
Close

Save video to ...