listen to iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni
BEE-SILUNGISA ULWIMI -22 SEPTEMBER 2026
Silungisa ulwimi no Gqirha Zauka. Namhlanje silungise ulwimi, "amazwi omlomo am okanye amazwi".
BEE-IMALI YAM-21 SEPTEMBER 2026
USonwabile Mdondolo uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi, " Xa umntu efuna ukuthatha umhlala-phantsi, ingaba yimalini ongacebisa ukuba abe nayo ukuze akwazi ukuphila kamnandi xa sele ethatha umhlala-phantsi? Kwaye yintoni endinokuyenza ngoku ukuze ndikwazi ukufikelela kuloo mali?".
BEE-SIWELA IMIDA NO ANGANATHI MAHLATHI-18 SEPTEMBER 2026
UAnganathi ukhulele kwaBhaca, kodwa kunyaka ophelileyo wafudukela eTshayina njengenxalenye ye-exchange programme, apho ebefunda khona. Ngoku usekhefini eMzantsi Afrika, kodwa ubomi bakhe bungaphezulu nje kokufunda. Abantu abanintsi bamazi nge vidiyo zakhe zobomi bakhe eChina kuTikTok.
BEE-INTERVIEW WITH LUBABALO NGCOLOMBA-17 SEPTEMBER 2026
Lubabalo Ngcolomba – itsha-Ntlizityo elichasene nobudlobongela ngokwesini uthetha neqela le BEE malunga nalomba wokuhlukunyezwa kwamanina.
BEE-SILUNGISA ULWIMI-16 SEPTEMBER 2026
uGqirha Zauka ulungisa ulwimi phakathi kwegama elithi, "umna" okanye "mna". Zivele ukuba ulungise wathini.
BEE-EZAMAFA NO ZIPHO MVUBU-14 SEPTEMBER 2026
UZipho Mvubu uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi, "Ndicela ubuza Bhuti Zipho, sinegxaki apha ekhaya kwasweleka uDadobawo obesasebenza. Imali zakhe azikaphumi namanje?"
BEE-INTERVIEW WITH BETUSILE MCINGA-11 SEPTEMBER 1997
Sincokola no Betusile Mcinga.
BEE-ISIGAMA SESIXHOSA-10 SEPTEMBER 2026
uGqirha Tshongolo ucacisa isigama sesiXhosa esithi "ukukhokhoba".
BEE-SIWELA IMIDA NO MISOKUHLE MRWETYANA-11 SEPTEMBER2026
UMisokuhle Mrwetyana ukhulele eMqanduli, waze wenza izifundo zeEarly Childhood Development eWest Coast College. Kulonyaka uphelileyo uye wanomdla wokuyosebenza eChina njengotitshala wabantwana abancinane. Kodwa uthe esakhangela umsebenzi njalo wabona amathuba okufunda eChina, sithetha nje, wenza izifundo zeMechanical Engineering eJiangsu.
BEE-SILUNGISA ULWIMI-08 SEPTEMBER 2026
uGqirha Zaukza usincedisa ekulungiseni ulwimi kwisibvakalisi esithi, "Iza apha" okanye "yiza apha".
BEE-IMALI YAM NO SONWABILE MDONDOLO-07 SEPTEMBER 2026
uSonwabile Mdondolo uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi, "Ukuba umntu uyayeka emsebenzini angene kuni, ingaba uyazi njani ukuba yimalini azakuyirhola nyanga-nenyanga? Futhi, kulindeleke ukuba iphele nini imali yakhe ukuba iyaphela kule investment ye retirement?"
BEE-SILUNGISA ULWIMI-TUESDAY 01 SEPTEMBER 2026
Silungisa ulwimi no Gqirha Zauka. Namhlanje sijonge igama phakathi kwalamagama "utshaba" okanye "itshaba".
BEE-INTERVIEW NO LWANDISA MONQO
Sithetha no Lwandisa Monqo nongumsunguli we Philani Wellness and Rehab Centre. uLwandisa uxhobisa umphulaphuli odinga uncedo kwingxaki anayo yokusela utywala.
BEE-SOMILA-SUBSTANCE ABUSE SURVIVOR
USomila Manentsa ubalisa ngebali lakhe lokuqala ukusela utywala ngokugqithisileyo kwaye nendlela athe wafumana ngayo uncedo kumaziko oluleko anceda abantu abanengxaki neziyobisi okanye utywala.
BEE-ANDILE-SUBSTANCE ABUSE SURVIVOR
UAndile Ngongoshe ubalisa ngebali lakhe lokuqala ukusela utywala ngokugqithisileyo kwaye nendlela athe wafumana ngayo uncedo kumaziko oluleko anceda abantu abanengxaki neziyobisi okanye utywala.
BEE-SIDL'IMBADU NO MAM XOLISWA TINI
Sincokola nenina elihambe umgama omde, uzakhele igama lakhe kwihlabathi lezoshishino waza waba ngomnye wabasetyhini abahlonitshwayo eMpuma Koloni. U-Xoliswa Tini waqala uhambo lwakhe kwishishini lokuthengisa izindlu, icandelo elalinamanina ambalwa kodwa emva kwempumelelo esiyibonayo namhlanje, kukho ibali lomfazi owafuneka akholelwe kuye ngamaxesha apho abanye babengakholelwa kuye.
BEE-ISIGAMA SESIXHOSA-27 AUGUST 2026
UGqirha Xolisa Tshongolo ucacisa isigama sesiXhosa nesithi, ukutsheka.
BEE-INGCEBISO NGEMISEBENZI-26 AUGUST 2026
UMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi, "Molo bhuti, ndicela ukubuza, xa uyeka emsebenzini, ngeziphi ibenefits ebekufanele ukuba ndiyazifumana? Futhi, ndingakwazi ukufumana imali kwi UIF ngoba oko yayitsala ngethuba ndisebenza?"
BEE-SILUNGISI ULWIMI-25 AUGUST 2026
UGqirha Zauka usincedisa ekulungiseni ulwimi, namhlanje sijonge isivakalisi elithi, " lumkani kukho isifo esisulelayo" okanye "lumkani kukho isifo esosulelayo". Zivele ukuba ulungisa athini.
BEE-IMALI YAM NO SONWABILE MDONDOLO-24 AUGUST 2026
uSonwabile Mdondolo uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi, "Ndicela ubuza yeyiphi e ngcono between investment and retirement fund? Ndingumntu omtsha ndisahlala with parents and want to put money, I just got the job, im 26 years old. Ndicela undibuzele ku Ta Sobs, uba yeyiphi e perform better kwezi zimbini?"
Save video to ...