BEE-SIDL' IMBADU NO IFANI
uIFani, owazalwa enguMzayifani Boltina, wenza BSc Honours kwi Computer Science neBsc Computer Engineering, kodwa washiya ubunjineli ukuze alandele umzila wakhe kumculo. Ukusuka eNew Brighton waya ekubeni ngomnye wabavumi bexesha lethu abathengisa igolide. Ngomnye weemvumi ezikhe zagilana namahla ndenyuka kwelicandelo lomculo.
SIWELA IMIDA NO ABONGILE TWALO
UAbongile Twalo ukhulele eMonti wayofunda ihospitality management eDurban University of Technology. Ngo2022 ufudukele eVietnam wayosebenza njengotitshala wesiNgesi. Ezinye zezinto ezamtsalayo ngokufudukela eVietnam kungenxa yongafumani umsebenzi eMzantsi Afrika.
BEE-SIWELA IMIDA NO ANDISWA BUKULA
U-Andiswa Bukula yinzalelwane yase Hlalani eMakhanda, wafunda eVictoria Girls High. Uye wenza izifundo eziphakamileyo eNelson Mandela University apho enze khona izifundo zeMedia, walendisa nge-honours kwisiXhosa, wenza neMasters kwisiXhosa. Usebenze njengomphandi womlwimi lwesiXhosa. Ngo August kulonyaka ufudukele ePennsylvania apho enza khona izifundo zePhD kwi Applied Linguistics and African Studies ePenn State University
BEE-SILUNGISA ULWINI NO DR ZAUKA
UDr Zauka usitybisela banzi ngokuba leliphi elisetyenziswayo igama phakathi ko zozibini okanye zombini. Zivele kwingcaciso yakhe.
IMIHLINZO NO NTSIKA QHA-31 October 2025
Imihlinzo kwi-BEE no Ntsika Qha iqhula lase Gqeberha.
SIDL' IMBADU NO QHAWE MAZALENI NONGU-MISS SOUTH AFRICA
UQhawe Mazaleni uneminyaka eyi24, ngowase Gonubie eMonti kodwa ngoku useRhawutini. Wenze izifundo kwiSpeech, Language and Hearing Therapy ezenza kwiYunivesithi yaseStellenbosch. Okwangoku wenza iMaster of Arts kwiSpeech-Language Pathology eYunivesithi yasePitoli, ejolise kuphando lwe-Autism. Iilwimi azithethayo kakuhle uQhawe sisiXhosa, isiNgesi nesiBhulu, kwaye ngoku ufunda isiSepedi nesiZulu. UQhawe waqala ukuthatha inxaxheba kukhuphiswano lobuhle esengumfundi eBeaconhurst High School eMonti, apho waphumelela khona njengoFirst Princess. Ngomgqibelo umhla we-25 October 2025 uchazwe njengoMiss SA 2025.
BEE-SIWELA IMIDA NO ABONGILE MGUDU
UAbongile Mgudu nokhulele eMaxesibeni naseNgcobo, ‘ze wayokwenza izifundo zeMechatronics eCPUT. Ngomnyaka ka-2022 uye wawela waya eNetherlands, apho asebenza khona njenge-Mechatronics Engineer.
SIWELA IMIDA- NOLU JOHNSON-03 OCTOBER 2025
Namhlanje sinoNolu Johnson owaziwa kakhulu njengo The Singing Chef, uneminyaka eyi29, uphuma eNew Brighton, eGqeberha. Uyi-chef eqeqeshwe kumgangatho wamazwe ngamazwe. Waya eTurkey ngoMay kulonyaka eyokhangela amathuba angcono.
BEE-SIWELA IMIDA NO ANELISA KALENI-19 SEPTEMBER 2025
Siwela imida no Anelisa Kaleni nosebenza njengonontlalo-ntle eLeeds eUK. Usibalisela ngebali lakhe kwanendlela enze ngayo ukuze axelengele inyama kumazwe angaphandle.
SIDL' IMBADU NO VATHISWA NDARA
UVatiswa Ndara ubalisa ibali lakhe kwelozolonwabo apha eMzansi Afrika, amahla ndenyuka athe wadibana nawo. Ukwasityebisela banzi ngencwadi yakhe ethi "Unfiltered"
SIWELA IMIDA NO KHANYA MATOMELA & LISA YENGENI
Basebenza njengabaculi kwilizwe lase Spain. Bacula kwiiklabhu, kwiikhonsathi nakwimisitho ekhethekileyo, besabelana ngetalente yabo kubaphulaphuli abohlukeneyo Bobabini bazalelwa kwaye bakhulele eGqeberha, kwaye bayazidla ngokuphakamisa iflegi yephondo lethu ngomculo wabo.
GEN BANTU HOLOMISA ECACISA INDIMA YE SANDF E-DRC
GEN BANTU HOLOMISA ECACISA INDIMA YE SANDF E-DRC
Amava ngokuba neziphumo ezintle ze matric, kodwa ungakwazi ukungena e-Tertiary
Amava ngokuba neziphumo ezintle ze matric, kodwa ungakwazi ukungena e-Tertiary
UPILE BONGCO SIDL IMBADU
UPILE BONGCO SIDL'IMBADU
BEE – Growing Up In An Abusive Home
Growing Up In An Abusive Home
Doctor Khumalo
Sidl'imbadu noDoctor Khumalo
Andile Lungisa
Andile Lungisa
Asanda Magaqa
Sidl'imbadu noAsanda Magaqa
Chicco Twala
Sidl'imbadu noChicco Twala
Unathi Platyi
Sidl'imbadu noUnathi Platyi
Save video to ...