listen to iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni
BEE-SIWELA IMIDA NO LINDOKUHLE & BANELE LUNGILE
ULindokuhle wafudukela eEngland ngoMay 2024 eyosebenza njengonontlalontle, emva kwenyanga ezintathu ephaya, uBanele (owayencuma naye) wawela wafukudukela eEngland. Emva kwexesha baphela batshata.
BEE-INGCEBISO NGEZEMISEBENZI-03 JUNE 2026
UMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphuli nethi, "Ngexesha lezantyalantyala apha eNtshona Koloni, ndiye ndanengxaki ekhaya apho indlu yam yaye yachaphazeleka ngamanzi engena ngaphakathi endlini. Lonto yaye yabangela ukuba ndingakwazi ukuya emsebenzini. Ndaye ndamxelela umqeshi wam ngoku kwaye naye wavuma. Ndaye emveni kwentsuku ezimbini ndabuyela emsebenzi kwaye ndabe ndimphathele nemifanekiso ebonisa oko kwenzekileyo. Ngexesha lokurhola ndiye ndaqaphela ukuba imali iyashota ngemali yentsuku ezimbini, ngethuba ndibuza umqeshi wam waye wathi zezantsuku zokungaphangeli kwam ngenxa ye zantyalantyala. Owona mbuzo wam kukuba lonke iKapa ngelixesha belingasebenzi, ingaba kusemthethweni oko akwenzileyo lo mqeshi?"
BEE-EZAMAFA-01 JUNE 2026
UZipho Mvubu uphendula imbalelwano yanamhlanje nethi, "Bhuti Zipho ngiyabulisa kuwe ngingalibali nokuzibulisela koBhutiza e-studio. Umama usweleke kulonyaka ophelileyo. Akukhonto eninzi kwi Estate kaMama ngaphandle kweMali ese-Bank. Singabantwana abangu 6 abazalwa nguMama oswelekileyo." UMBUZO: 1) Ngicela ukwezi ukuthi likhona ixesha elisikiweyo ukwenza i-Letter of authority?? 2) Okwesibili, ngingakwazi ukwenza i-Letter of authority ngaphandle kwezi Siblings engizalwa nazo??
BEE-SILUNGISA ULWIMI-02 JUNE 2026
uDr Zauka usicacisela ngeendlela ezahlukeneyo zokusebenzisa igama "ubani", zivele nawe ukuba ithini le ngcaciso.
BEE-SIDL'IMBADU NO SIYABULELA SUPTA SITHOLE
Sidli'imbadu no Siyabulela Sithole nowaziwa kakhulu ngelika Supta. Supta uzelelwe eAliwal North kwaye ungu DJ, umvelisi kwanomsasazi eMetrofm. USupta waziwa kakhulu ngengoma zakhe ezithi "Hayi Supta", "Kuzolunga" kwakunye nengoma asebenze no Prince Kaybee kuyo u"Gugulethu". Zivele kwibali lakhe xa elibasela igqiza le BEE
BEE-INGCEBISO NGEZEMISEBENZI-27 MAY 2026
UMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi. " Ndagxothwa emsebenzini ngezityholo zokuba umqeshi wam wandityhola ngokuba nda-ba. Umqeshi wandivulela ityala emapoliseni ngenxa yesisityholo. Ndaya ecourt, ndafunyanwa ndingena tyala. Kodwa, iCCMA yona yafumanisa ukuba ukugxothwa kwam kwakufanelekile. Yenzeka njani into enje?"
BEE-SILUNGISA ULWIMI NO DR ZAUKA-26 MAY 2026
Ugqirha Zauka usilungiselela ulwimi kwindlela eyiyo yolusebenzisa. Sijonga indlela eyiyo kwezizivakalisi "Zaphukile zombini" okanye "Zophukile zombini".
BEE-IMALI YAM NO SONWABILE MDONDOLO-26 MAY 2026
USonwabile Mdondolo uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi, "Molweni ma BEE, bendicela uSonwabile andincede ngalo mbuzo wam. Iboyfriend yam isweleke ngoMarch kulo nyaka, sinomntana oneminyaka emibini. Into eyenzekayo; wayetshatile futhi lomntwana wethu sobabini akaziwa yi family yakhe. Ndicela ukubuza ukuba ndingakwazi ukuziveza (ngenxa yomntana), ukuze ndizokwazi uku claimer kwi pension fund yakhe. Ebesenzela yonke into nangona ndiphangela nam"
BEE-SIWELA IMIDA NO AVUMILE MCOSELI-22 MAY 2026
U-Avumile uzalelwe waphinda wakhulela Emonti, ngo2022 uye wawela waya ePoland eyokudlala ibhola.
BEE-ISIGAMA SESIXHOSA -21 MAY 2026
UGqirha Xolisa Tshongolo usicacisela ngesigama sesiXhosa nesithi "Ukuphuma nodlolwazana". Phulaphula ukuba ucacisa athini.
BEE-INGCEBISO NGEZEMISEBENZI-20 MAY 2026
uMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphulaphuli kwi ngcebiso ngezemisebenzi. Umphulaphuli ubhale wathi, "Sine union emsebenzini, kodwa sikrokrela ukuba le union iyasithengisa kumqeshi futhi ikwi cala likamqeshi. Singabasebenzi sifikelele kwisigqibo sokuba sizixoxele ngokwethu nomqeshi malunga nokunyuselwa komvuzo, ngaphandle kwe union. Ingaba ivumelekile lento?"
BEE-SILUNGISA ULWIMI-19 MAY 2026
Silungisa ulwimi no Gqirha Zauka. Namhlanje usicacisela ngendlela eyiyo phakathi kokuthi, "ubuthetha wedwa" okanye "ubuthetha wodwa".
BEE-INTERVIEW NO THOBEKA MSENGANA-19 MAY 2026
Sincokola no Thobeka Msengana noyi Pscychologist eMonti. uThobeka ucebisa amadoda ngendlela anozithatha ukujongana nemicelimngeni ethile.
BEE-EZAMAFA NO ZIPHO-MONDAY-18 MAY 2026
UZipho Mvubu uphendula imbalelwano yomphulaphuli ethi, "ngeviki ephelileyo ubuthetha ngokuba xa i-estate ingaphuzulu kwe-R250 000, ungakwazi uku-Apply for executorship letter. Xa ndi-apply for executorship letter, uMaster uthi akakwazi ukundinika i-Letter, mandifumane umuntu ozakundinceda (Agent) nge Estate." UMBUZO: Kanti ithini indlela yo-apply for executorship letter??
BEE-ISIGAMA SESIXHOSA-14 MAY 2026
uGqirha Tshongolo usicacisela ngesigama sesiXhosa esithi, ingqwele. Phulaphula ukuba ucacisa esithini.
BEE-SIWELA IMIDA NO LUMKA MGILANE-15 MAY 2026
Sincokola noLumka Mgilane okhulele eLusikisiki eJambeni A. Wenze izifundo zePublic Management, kodwa waphela enomdla kakhulu kwi-photography. Wemka eMzantsi ngoMay kulo nyaka uphelileyo. Sithetha nje, useMelika apho asebenza khona nje ngomfoti emkhumbini.
BEE-INGCEBISO NGEMISEBENZI-13 MAY 2026
uMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphulaphuli ethi, "ndaxothwa ngumqeshi ngenxa yezityholo zokuba ndaphangela ndiphantsi kwempembelelo zotywala. I-case yam ndiyise eCCMA, ndizobe ndiqala ukuya eCCMA. Ndicela undicacisele iye ithini iprocess ye case efana nalena yam?"
BEE-IMALI YAM NO SONWABILE-11 MAY 2026
uSonwabile uphendule umbuzo womphulaphuli ngombuzo wakhe wezezimali.
BEE- SINCOKOLA NO DR BAYENI NGE HANTA-VIRUS
UGqirha Bayeni usicacisela banzi nge Hantavirus ukuba yintoni kwaye yosulela njani.
BEE-INGCEBISO NGEMISEBENZI NO MALATHISI QAMGANGANA-06 MAY 2026
uMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yoMphulaphuli ethi, "ndicela uncedo, icompany yethu isinike i notice ye-section 89 nge 30 Matshi.Nge 8 April bandibizile mna behleli namagqwetha bathi bayayi suspenda i notice, bandi suspenda besithi ndiyaphandswa. Nda suspendwa ngoko nangoko"
Save video to ...