listen to iBrakfesi Eyondlayo Ekuseni
BEE-SIWELA IMIDA NO AVUMILE MCOSELI-22 MAY 2026
U-Avumile uzalelwe waphinda wakhulela Emonti, ngo2022 uye wawela waya ePoland eyokudlala ibhola.
BEE-ISIGAMA SESIXHOSA -21 MAY 2026
UGqirha Xolisa Tshongolo usicacisela ngesigama sesiXhosa nesithi "Ukuphuma nodlolwazana". Phulaphula ukuba ucacisa athini.
BEE-INGCEBISO NGEZEMISEBENZI-20 MAY 2026
uMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphulaphuli kwi ngcebiso ngezemisebenzi. Umphulaphuli ubhale wathi, "Sine union emsebenzini, kodwa sikrokrela ukuba le union iyasithengisa kumqeshi futhi ikwi cala likamqeshi. Singabasebenzi sifikelele kwisigqibo sokuba sizixoxele ngokwethu nomqeshi malunga nokunyuselwa komvuzo, ngaphandle kwe union. Ingaba ivumelekile lento?"
BEE-SILUNGISA ULWIMI-19 MAY 2026
Silungisa ulwimi no Gqirha Zauka. Namhlanje usicacisela ngendlela eyiyo phakathi kokuthi, "ubuthetha wedwa" okanye "ubuthetha wodwa".
BEE-INTERVIEW NO THOBEKA MSENGANA-19 MAY 2026
Sincokola no Thobeka Msengana noyi Pscychologist eMonti. uThobeka ucebisa amadoda ngendlela anozithatha ukujongana nemicelimngeni ethile.
BEE-EZAMAFA NO ZIPHO-MONDAY-18 MAY 2026
UZipho Mvubu uphendula imbalelwano yomphulaphuli ethi, "ngeviki ephelileyo ubuthetha ngokuba xa i-estate ingaphuzulu kwe-R250 000, ungakwazi uku-Apply for executorship letter. Xa ndi-apply for executorship letter, uMaster uthi akakwazi ukundinika i-Letter, mandifumane umuntu ozakundinceda (Agent) nge Estate." UMBUZO: Kanti ithini indlela yo-apply for executorship letter??
BEE-ISIGAMA SESIXHOSA-14 MAY 2026
uGqirha Tshongolo usicacisela ngesigama sesiXhosa esithi, ingqwele. Phulaphula ukuba ucacisa esithini.
BEE-SIWELA IMIDA NO LUMKA MGILANE-15 MAY 2026
Sincokola noLumka Mgilane okhulele eLusikisiki eJambeni A. Wenze izifundo zePublic Management, kodwa waphela enomdla kakhulu kwi-photography. Wemka eMzantsi ngoMay kulo nyaka uphelileyo. Sithetha nje, useMelika apho asebenza khona nje ngomfoti emkhumbini.
BEE-INGCEBISO NGEMISEBENZI-13 MAY 2026
uMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yomphulaphuli ethi, "ndaxothwa ngumqeshi ngenxa yezityholo zokuba ndaphangela ndiphantsi kwempembelelo zotywala. I-case yam ndiyise eCCMA, ndizobe ndiqala ukuya eCCMA. Ndicela undicacisele iye ithini iprocess ye case efana nalena yam?"
BEE-IMALI YAM NO SONWABILE-11 MAY 2026
uSonwabile uphendule umbuzo womphulaphuli ngombuzo wakhe wezezimali.
BEE- SINCOKOLA NO DR BAYENI NGE HANTA-VIRUS
UGqirha Bayeni usicacisela banzi nge Hantavirus ukuba yintoni kwaye yosulela njani.
BEE-INGCEBISO NGEMISEBENZI NO MALATHISI QAMGANGANA-06 MAY 2026
uMalathisi Qamngana uphendula imbalelwano yoMphulaphuli ethi, "ndicela uncedo, icompany yethu isinike i notice ye-section 89 nge 30 Matshi.Nge 8 April bandibizile mna behleli namagqwetha bathi bayayi suspenda i notice, bandi suspenda besithi ndiyaphandswa. Nda suspendwa ngoko nangoko"
BEE-SILUNGISA ULWIMI-05 MAY 2026
Silungisa ulwimi noDr Zauka. Namhlanje sijonge indlela eyiyo yokubiza igama "ukho".
BEE-EZAMAFA NO ZIPHO MVUBU-04 MAY 2026
UZipho Mvubu uphendula imbalelwano yomphulaphuli nethi, "`ndiswelekelwe nguMama ngo-February 2026. Xa ndyojonga kwi-Account yakhe yaseBank kwathiwa mangize ne-Letter of Authority. Ngiphinde ngezwa kukhulunywa nge-Letter of executorship." Umbuzo uthi, Ingabe yini umahluko phakathi kwe-Letter of authority kanye ne Letter of executorship?
BEE-INTERVIEW WITH THOBEKA MSENGANA
Thobeka Msengana - Psychologist and Manager of the Student Counselling Unit at University of Fort Hare. UThobeka usityebisela banzi ngezinto ezibangela ukuba abantu babe madolwanzima ekuyeni kwi therapy.
SIWELA IMIDA NO LUSANDA MANGXANGAZA-01 MAY 2026
Siwela imida no Lusanda Mangxangaza nozinze eUSA. ULusanda uzalelwe eKokstad waze wakhulela ePitoli. Sithetha nje, usebenza eMelika njengompheki, uneminyaka emibini ekwelacala.
BEE-SILUNGISA ULWIMI-28 APRIL 2026
uDr Zauka ucacisa indlela yokusebenzisa uliwimi elungileyo kulamagama mabini athi, "ukususela" okanye "ukusukela".
BEE-SIDL' IMBADU NO LOYISO GOLA
uLoyiso Gola usibalisela ngobomi bakhe, indlela aqale ngayo ukusebenza kwi comedy nezinto athe wazenza.
BEE-SIWELA IMIDA NO NIKITA TSHEKELA-24 APRIL 2026
uNikita ngowaseMaXesibeni, kodwa ukhulele eCarltonville. Esakhula kudala wafuna ukuba ngutitshala, wenza izifundo zobitishala kwiYunivesithi yasePitoli. Emva kokugqiba izifundo zakhe, wasebenza eSinikiwe High School eMdantsane. Wathi ukuphela kwe contract yakhe apho wathatha isigqibo sokuyophangela eTaiwan ngo2024 ngenxa yokungafumani umsebenzi apha eMzantsi.
BEE-EZOMSEBENZI NO MALATHISI QAMNGANA-22 APRIL 2026
UMalathisi Qamgana uphendula umbuzo womphulaphuli othi, "Ndicela uqonda ukuba ba yilungisile lento ye position yam bangakwazi ukundibhathalaiimali zam, ezi bekufanele ndizifumenekwezinyanga zidlulileyo?"
Save video to ...