INTERCHANGE - Experts warn against overstretching the budget this festive season.
Nanjengoko ulutsha ilolona luyinxenye enkulu yabavoti beloMzantsi Afrika, zisaqhuba zona iinkxalabo ngokwehla kwentatho-nxaxheba yalo kuvoto, nanjengoko kusiyiwa kunyulo loomasipala lonyaka ozayo. Imibutho yolutsha imi kwelokuba yenza ukuba imigaqo neenkqubo zayo ithethe ngqo neemfuno zabavoti. Noxa kunjalo, abahlalutyi balumkisa ngelithi ukungabikho konxibelelwano phakathi kokuthethwa ngoosopolitiki, kwakunye noko kuphilwa luluntu imihla ngemihla, kuko okudala ukuba abantu abatsha bangabi namdla wokuvota. UZara Groenewald usenzele le ngxelo...
INTERCHANGE - This year has proven to be one of the most tumultuous for the ANC Tripartite Alliance
Lo nyaka ubonakalise ukuba ngowona nyaka unzima kakhulu kunxantathu okhokelwa yi- ANC. Ubudlelane obuyimbali beminyaka bungaqhekeka, nalapho umbutho wamakomanisi, iSACP, ufunge ngokuthatha inxaxheba ngokuzimeleyo kunyulo lorhulumente basekhaya ngonyaka ka-2026, nakwezinye iinkqubo zonyulo ezilandelayo. Emva kweendibano ezininzi nogxa wawo kunxantathu, iANC, amakomanisi amile kwelokuba afuna ulawulo lombuso, emva kokusilela kwawo ukubonisa iANC ukuba afuna kwenziwe iinguqu kunxantathu. Intatheli yedesika yezoPolitiko eSABC, uNtlantla Kgatlhane, ujonga ukuba uqhube njani lo nyaka kunxathathu okhokelwa yi-ANC, kule ngxelo siyiphathelwe nguBabalwa Mtengenya..
30 MINUTES LIVE - The issue of deaths during initiation season in the Eastern Cape remains one of the most complex challenges for this season
Minyaka le, ukuqala kwexesha lolwaluko kwiMpuma Koloni kuvusa inkxalabo malunga nokusweleka kwabakhwetha ngeli xesha. Nangona eli siko libalulekile kwinkcubeko yoluntu, ukusweleka kwabantwana kuyaqhuba kuphakamisa imibuzo ngokuthotyelwa kwesiko, kube kwangaxeshanye kukhuselwa abantwana abathath' inxaxheba kweli siko. Ukuncokola ngokulinganisa phakathi (BALANCE) kokugcinwa kwenkcubeko, nelungelo lobomi, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ongumphandi, uYanga Funani...
What Artificial Intelligence is in a workplace
Ubuchwepheshe obukwinqanaba eliphezulu nolwaziwa njenge-Artificial Intelligence ngolwasemzini busebenza ngokubalulekileyo ngokumandla kwiindawo zengqesho. Olu hlobo lobuchwepheshe lunegalelo elibaluleke kakhulu kwiinkampani ekuphuculeni umsebenzi wazo ubengcono, kwaye luza nenguqu kuhlobo lokwenza izinto. Nangona kunjalo, obu buchwepheshe bubonwa njengomngcipheko onokukhokhelela ekulahlekeni kwemisebenzi nokudodobalisa ukucinga nokusiphula-umthetho. UAyabonga Kekana uncokola nengcali kwezo buchwepheshe uSiphumelele Zondi..
Exploration of Whatsapp as a formal communication tool in the workplace
Iqonga lonxibelelwano uWhatsApp sele lisetyenziswa kwiindawo zentsebenzo njengeqonga lonxibebelelwano, phakathi kwabasebenzi. Abaphathi baye basebenzise ii-WhatsApp Groups ukukhupha imiyalelo kubasebenzi. Ezi groups zikwasetyenziswa njengeqonga lokwenza izazizo zomsebenzi. Unxibelelwano ku-WhatsApp lubonwa njengolulula nolukhawulezileyo xa kuthelekiswa nezinye iindlela zonxibelelwano, ezifana neminxeba okanye ii-emails. Nangona kunjalo, ezinye iindawo zengqesho azinayo imigaqo-nkqubo elawula eli qonga neyinika ingqwalasela ngokusesikweni njengeqonga lonxibelelwano emsebenzini. Kuye kwenzeke ntoni xa umyalelo okhutshwe kweli qonga ungalandelwa? UAyabonga Kekana uncokola nengcali kwimiba yezengqesho uThato Mxo.
Interchange-CONCERN OVER N10 TRUCK ACCIDENTS
Uhola wendlela uN10, nosuka eNanaga kufutshane naseGqeberha, uyokutsho kumda odibanisa eli loMzantsi Afrika neNamibia, ube nothotho lweengozi zendlela ezibandakanya izigadla kuwo wonke lo nyaka. Ingozi yakutshanje yeyesigadla esigraye izithuthi eziliqela ngethuba izama ukugqitha esinye, ngozi leyo ekhokelele ekuswelekeni komntu omnye. Ziliqela iintshukumo ezibekelwe ukubeka esweni abaqhubi bezigadla. Noko kunjalo, la hola wendlela usaqhuba ubeka ubomi babantu beli emngciphekweni, nalapho kuye kwaphawulwa nabaqhubi abaqhuba bephantsi kweempembelelo zotywala. UNandipha Plaatjie uza nengxelo...
How parents creating social media pages for their children can be seen as a violation of the child's/children's privacy
Abanye abazali baye bafake imifanekiso, noshicilelo lweevidiyo kunye neenkcukacha zabantwana babo kumakhasi onxibelelwano afana noFacebook, Instagram kunye noTikTok. Bambi bathi oku bakwenza ukugcina iinkumbulo zokukhula kwabantwana babo, ngethuba abanye besithi baye basebenzise la maqonga ukuphuhlisa iitalente zabantwana babo. Nangona oku kubonwa njengokulungileyo kodwa ngokomthetho kungabe kunyhasha amalungelo omntwana, afana nokunikeza imvume ukuba imifanekiso yabo ifakwe kumakhasi onxibelelwano ngaphandle kwemvume yabo, ukupapashwa kobomi babo ngaphandle kwemvume yabo, nokubeka ubomi babo emngciphekweni. Amakhasi onxibelelwano asetyenziswa kakhulu ngoonqevu ukuxhwila abantwana ngeenjongo zoshishino nokubaxhaphaza ngokwesondo. Masincokole ngamalungelo abantwana kule meko. UAyabonga Kekana uncokole negqwetha lamalungelo oluntu, uZukiswa Mqakanya
Minister of Small Business Development, Stella Tembisa Ndabeni, will convene a consultation session on the Inyamazane Fund
Isebe elijongene namashishini asakhulayo lizakubamba iinkqubo zokuthetha-thethana eMthatha, malunga nengxowa yenkxaso mali ebizwa Inyamazane, neyinkqubo ephantsi kwe Small Enterprise Development & Finance Agency (SEDFA). Le nkqubo imiselwe ukuxhasa amashishini aphantsi kwamagqala omkhosi. Ezi zingxoxo zokuqala zokuzama ukuvuselela lengxowa ukuze kuncedakale lamagqala omkhosi. UAyabonga Kekani uncokola nophuma kwi-SEDFA noyi-Chief Investment Officer, uRichard Manzini.
TRUNEWS @6 - ANCYL says registration of delegates has been concluded
Iphiko lolutsha kwiANC lithi lilindele ukuba ibeyimpumelelo inkomfa yamashumi amabini anesixhenxe kazwelonke, nengazukuphikiswa. Eliphiko lolutsha libhengeze abagqatswa balo abathandathu abachongiweyo. Le nkomfa izakubanjelwa kwiziko le mfundo iUniversity of Limpopo, kwi Mpuma yasePolokwane. Inkokheli yabantu abatsha, uCollen Malatji, kulindeleke ukuba aphinde onyulwe njengomongameli, kwakunye noTsakani Shivity ophakanyiswe njengonobhala jikelele. UMalatji uthethe nabeendaba ngokulungela kwabo ukusingatha le nkomfa. Umongameli weANC, uCyril Ramaphosa, ulindeleke ukuba yena athethe nabathunywa. Ngabathunywa abangamawaka amabini anamakhulu amathandathu (2600) abalindeleke bathathe inxaxheba kule nkomfa. Masive nanku uAmanda Xhala, kwingxelo esiyilungiselelwe ngu-Avhapfanu Munyai...
NEWS REVIEW - ANC NGC REVIEW
Kwiveki esiphuma kuyo, umbutho we-ANC ububambe intlanganiso yebhunga likazwelonke lalo mbutho, iNGC ngamafuphi. Le ntlanganiso, nebanjwa phakathi kweenkomfa, iqwalasele imiba eliqela, nequka ukuzigocagoca kwalo mbutho, kulandela ukubethwa kwawo kunyulo lukazwelonke lonyaka ophelileyo, ukuhlengahlengiswa komgaqo-nkqubo walo mbutho, kuquka nomgaqo-siseko wawo. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ilungu leqoqo lolawulo kwi-ANC, uMzwandile Masina. Ukanti apha estudio sinomhlalutyi wezopolitiko, uNjingalwazi Ntsikelelo Breakfast...
INTERCHANGE - Act of Kindness Campaign 2025 Critical Request: 16 Boys Currently in Initiation Need Immediate Support
Ukuya kwamakhwenkwe esuthwini lisiko elibaluleke kakhulu kwaXhosa. Iba yimincili kwiintsapho nezihlobo, kuguywe, kubhiyozwe kubemnandi. Noxa kunjalo, kwamanye amakhaya iba yintlungu kuba engazi ukuba aza kudibanisa ntoni nantoni ukuze unyana wekhaya elo aye entabeni abuye, ze amkelwe ngemibhiyozo. Kungeso sizathu ke umbutho iSakhisizwe School of Tradition, Culture, Leadership, and Excellence, neyiyinkqubo ephantsi kwe-Eastern Cape Men's Movement, igqibe kwelokuba ingenelele, ze incedise ngokuthi icele amalizo kwabo banakho ukuphosa nokuba yintonina, khon' ukuze amakhwenkwe alishumi elinesithandathu, nangabakhwetha sithethanje, afumane uncedo. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni siqhagamishelana nosihlalo walo mbutho, uJongi Hoza...
INTERCHANGE - We review a book titled: The Beauty and Battle of a Single Mom
Kuhlalutyo lwencwadi, namhlanje sihlalutya incwadi esihloko sithi: The Beauty and Battle of a Single Mom, nebhalwe ngu Wendy Figlan. Le ncwadi iphehlelelwe kwiveki ephelileyo eKhayelitsha, eKapa kwiNtshona Koloni. Nje ngomama okhulisa umntwana eyedwa, uFiglan kule ncwadi ubalisa ngokuphola kwamanxeba asemphefumlweni, ukuthanda ngokungazenzisiyo nokuzixolela, ze uphinde ube namaphupha kwakho. Ukuva banzi ngengxam yale ncwadi, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe umbhali wayo, uWendy Figlan...
30 MINUTES LIVE - The PAC is holding its elective conference in Gqeberha
Ingena kusuku lwesibini namhlanje inkomfa yePAC, nalapho kulindeleke ukuba yenyule iinkokheli ezintsha zala mbutho. Ukanti namhlanje kulindeleke ukuba umongameli wala mbutho, uMzwanele Nyhontso, awise ingxelo kamongameli egxile kumbutho. Ukuva banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe unondyebo walo mbutho kuzwelonke, uJaki Seroke...
30 MINUTES LIVE - Statistics South Africa releases Poverty Trends in SA Report with insights across population groups and provinces
Iziko leenkcukacha-manani, iStats SA, izolo likhuphe ingxelo ngeqondo lendlala eMzantsi Afrika. Le ngxelo ijonga utshintsho kwiqondo lentlupheko phakathi kweminyaka u2006 no-2023, inika ingqwalasela kumaphondo ohlukileyo, kunye nangokwehluka kweentlanga kweli. To discuss more of this, on the line Ayabonga Kekana is joined by the Acting Deputy Director-General responsible for Population and Social Statistics at Stats SA, Mr. Solly Molayi...
TRUNEWS @6 - SASSA clarifies life certification process and confirms no suspension of social grants
I-Arhente yesibonelelo sendodla, uSASSA, uphawule imiyalezo ethe ndii kumakhasi onxibelelwano ngeenkcukacha ezingachanekanga nezilahlekisayo malunga nenkqubo yokwenziwa kwesiqinisekiso sokuphila kwabaxhamli, nenziwa yile arhente ukuqinisekisa abaxhamli bayo. Iinkcukacha ezikumakhasi onxibelelwano zithi njengokuba iqhuba le nkqubo, ziza kunqunyanyiswa izibonelelo. Kodwa ukuba sicaciselwe ngale nkqubo, emnxebeni uAmanlda Xhala ubambe umanejala ophezulu kwicandelo lonxibelelwano kwaSASSA eMpuma Koloni, uTabisa Nondwayi...
TRUNEWS @6 - The ANC President could be voted by all party members in good standing across the country as opposed to just around 4000 delegates at elective conferences
Onke amalungu eANC aselungelweni kufanele ukuba avotele umongameli walo mbutho, ngokunxamnye nangaphambili, apho ibiba ngabathunywa abangamawaka amane kwiinkomfa zonyulo kuphela abenza njalo. Oku kwakwenzeka kuphela ukuba inkomfa kazwelonke ye-ANC iyakwamkela oku, kuquka nezindululo ezigxile kwimigaqo-nkqubo yalo mbutho, kwa nohlengahlengiso kumgaqo-siseko wombutho. Oku kuvele kwintlanganiso yesihlanu yebhunga leANC kuzwelonke, iNGC. Le ntlanganiso, nequkunjelwayo namhlanje, iza kubona utshintsho kwimigaqo-nkqubo elishumi elinesibini equlathwe kumgaqo-siseko we-ANC, kwakunye neminye eliqela endululwayo kumgaqo-siseko welizwe loMzantsi Afrika. UZukiswa Tshume uza nengxelo esiyiqulunqelwe nguNtebo Mokobo...
TRUNEWS @6 - Oversight of the Presidency – parties react to new committee
Sizise iinguqu kupolitiko isigqibo sepalamente sokuseka ikomiti entsha eza kuqwalasela imiba ye-ofisi kamongameli. Oku kuphawula isiqalo ekubeni amalungu epalamente abe neqela elisekelwe ukuthabathisa uxanduva umongameli nosekela-mongameli, ngomsebenzi wabo. I-ofisi kamongameli buqu ilamkele eli nyathelo, nalapho usekela-mongameli uPaul Mashatile athi yena noMongameli uCyril Ramaphosa bakulungele ukuhlolwa komsebenzi wabo, ze baphendule nayiphina imibuzo esuka kumalungu epalamente, nebonwa nje ngesemdleni woluntu. Imibutho yezopolitiko eyahlukileyo iyalixhasa eli nyathelo lokusekwa kwale komiti, ngelithi linyathelo ebekufanele ukuba kudala lathatyathwa, ngokubhekiselele ekomelezeni intatho-xanduva kwi-ofisi kamongameli. UMkhokeli Bandla uza nengxelo...
TRUNEWS @6 - Highlights of the Parliament's Ad Hoc committee established to look into concerns around national security
Iqale ngolonwabu ikomiti yethutyana yasepalamente, nesekelwe ukuphanda ngenkxalabo ngokhuseleko lwesizwe, kodwa ithe apho iqale khona yatyelela nkqu kwintolongo enokhuseleko oluluqilima ePitoli. Le komiti yasekwa yipalamente ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyeKhala, emva kwenkomfa yamajelo eendaba eyayibanjwe ngumkhomishinala wamapolisa kwiphondo iKwaZulu-Natal, uLt General Nhlanhla Mkhwanazi, kwangaloo nyanga. UMkhwanazi wenza izityholo zongenelelo lolwaphulomthetho, urhwaphilizo nopolitiko kwinkqubo yezobulungisa, zityholo ezo ezibandakanya amanye amagosa aphezulu kwinkonzo yesipolisa, kuquka nomphathiswa wamapolisa uSenzo Mchunu osele ebekwe kwikhefu elikhethekileyo sithethanje. UZalene Merrington uqwalasela ezinye zezinto eziye zaphambili kule komiti, kule ngxelo siyiphathelwe nguZukiswa Tshume...
NEWS REVIEW - We are discussing the challenge of underage drinking in South Africa
Sibone amaphulo aliqela alumkisa ngokubanjwa kwemijuxuzo eyaziwa ngePens Down, kwiindawo ezahlukileyo kweli. Isebe lemfundo, imibutho engafumani nkxaso kurhulumente, noluntu ngokubanzi, bamenyelela ulonwabo olungenatywala nanjengoko abafundi begqibile ukubhala. ENelson Mandela Bay, bekubanjwe umsitho wePens Down nalapho bekukho izinto zokuzinwabisa kungekho tywala ngenzame zokuphelisa lomkhuba. Uyakusikhumbula isehlo saseEnyobeni nalapho kwasweleka abantwana abayi 21 ngonyaka ka2022. Namhlanje, sithe masixoxe ngomba wokusetyenziswa kotywala, ingaba busetyenzisa ngelixesha kuphela okanye sinengxaki yabantwana abasela utywala. Ukuxoxa banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe ugqirha ojongene noxinizelelo lwengqondo nomphedumlo uNjingalwazi Jabulani Kheswa, kwakunye nomsunguli wephulo elibizwa i #ungazibulali matric campaign, uGqirha Sanele Gamede...
Interchange-First ever Africa-Europe-Middle East Earthquake Response to take place in Africa wraps in Gqeberha
Usekela mphathiswa wesebe lolawulo ngobambiswano nemicimbi yemveli, uPrince Zolile Burns-Ncamashe, ugxininise isidingo sentsebenziswano yehlabathi ukuqinisekisa ukuba amazwe anako ukumelana neentlekele ezinkulu zendalo. Uvakalise oku ngethuba esenza intetho ngosuku lokugqibela lendibano yelizwekazi i Afrika libambisene ne Europe, ebishukuxa amaqhinga okusabela kwiintlekele zendalo( iAfrica-Europe-Middle East Earthquake Response Exercise) eGqeberha kwiphondo iMpuma Koloni. Le ndibano ihlanganise amagosa ajongene nentlekele, amaqela ohlangulo, kunye nemibutho yesisa ephuma kwihlabathi, ukuhlola nokuqinisa uMzantsi Afrika ukuze ubenokulungela ukuqubisana neentlekele ezinkulu zendalo. Masive ngokubanzi kuSisipho Ngcumbe...
Save video to ...