listen to Tru Fm Current Affairs

Tru Fm Current Affairs
Tru Fm Current Affairs

Tru Fm Current Affairs

News

TRUNEWS @6 - Competiotion Commissions's Rural and Township Economy Project.)

Ikomishoni yokhuphiswano yoMzantsi Afrika, iCompetition Commission, ikhuphe ingxelo ngophando loqoqosho lwasezilalini nasezilokishini. Eyona ndawo ibigxile kuyo kuphando lwayo, lukhuphiswano phakathi kweevenkile ezikwezi ndawo. Umyinge wamashumi amane ekhulwini abantu beli bahlala ezilokishini, nto leyo eyenza kubekho umdla wokuvula iivenkile kwezi ndawo. Kuqikelelwa kwelokuba uqoqosho lweelokishi neelali zoMzantsi Afrika luxabisa i900-billion yeerandi.  U-Amanda Xhala uncokole nophuma kwiCompetition Commission, nobeyinxalenye yolu phando, uZintle Siyo... 

10:08

TRUNEWS @6 - The local economy contracted marginally in the second quarter of this year

Lwehle kancinci uhlumo loqoqosho loMzantsi Afrika kwikota yesibini yalo nyaka. Iinkcukacha-manani ezikhutshwe liziko leenkcukacha-manani, iStats SA, zibonisa ukuba imveliso yeli lizwe epheleleyo, iGDP ngamafuphi, yehle ngomyinge we-0.2 weepesenti kwikota yesibini yalo nyaka. Oku kuza emva kohlumo obelukumyinge we-0.4 wee-pesenti, kwikota yokuqala ka-2026. Awona macandelo aye adala oku kwehla aquka elemigodi. UVuyolwethu Mabeqa usilungiselele le ngxelo kaNothando Magudulela...

02:36

TRUNEWS @6 - The ANC has missed the Candidate Nomination System deadline. What does this mean for the party?

Ikomishoni ezimeleyo yonyulo, i-IEC, iyigxininisile into yokuba ayizukuphinda ivule elinye ithuba lokuba imibutho ifake abagqatswa bayo, okanye abagqatswa abazimeleyo emva kwexesha ebelibekiwe. Ngo Mvulo, iANC ikhuphe imbalelwano echaza ukuba lo mbutho uye wajongana neengxaki zobuchwepheshe kwinkqubo yeIEC, ngethuba ufaka abanye abagqatswa bayo ngaphambi kwexesha lokuvalwa kwesisigaba, intsimbi yesihlanu ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kwinyanga ephelileyo. Ngethuba sincokola neIEC kwiveki ephelileyo, ithe akukhonto ibonakalisa ukuba kubeneengxaki kwinkqubo yayo yokufaka abagqatswa, ikwathi imibutho nabagqatswa abazimeleyo bebelinikiwe ixesha elaneleyo. Ukuncokola ngokuba oku kuthetha ukuthini ngale mibutho, u-Amanda Xhala uthethe nomhlalutyi wezopolitiko nokwakhel' umkhanya ezonyulo, uGqirha Nkosikhulule Nyembezi...

09:58

TRUNEWS @6 - The inquest looking into the death of Black Consciousness Movement Leader, Steve Biko, continues

Luyaqhuba uphando ngokusweleka kwenkokheli ye-Black Consciousness Movement, uSteve Biko, kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha. UBiko wasweleka ngonyaka ka1977, emva kokubethwa ngokungenalusini ngethuba eselugcinweni lwamapolisa. Kwafumaniseka ukuba wonzakala entloko. Ingqina ebelisemkhumbini ngowayeyikapteni yamapolisa lexesha lengcinezelo, uDaniel Petrus Siebert. U-Amanda Xhala uthethe nentatheli yethu ebilapho enkundleni, uLubabalo Dada...

07:24

TRUNEWS @6 - Bail application of two men accused of the murder case of former two time boxing world champion, Zolani "Lastborn" Tete

Isicelo sebheyile sabarhanelwa ababini ababandakanyeka ekubulaweni kowayesakuba yintshatsheli yomdlalo wamanqindi kwihlabathi, uZolani "Lastborn" Tete, sihlehliselwe uLwesithathu wale veki. UTete, wadutyulwa wabulawa ngaphandle kwekhaya lakhe kwiiveki ezimbini ezidlulileyo. Ukuva banzi ngalo mba, u-Amanda Xhala uthethe nentatheli yeli jelo, uHlumisa Qabaka...

05:30

NEWS REVIEW| Exploring the psyche of a South African eligible voter.

Nanjengoko kusele isithuba esingaphantsi kweenyanga ezimbini phambi konyulo loomasipala kweli. Enkqubeni siye sancokola neengcali zonyulo nolawulo loomasipala, uMasoxole Booi kunye noThembelani Mazibuko besincedisa ukuba siphonononge sihlalutye ulwazi umvoti woMzantsi Afrika analo ngonyulo loomasipala, sijonge ezimphembelela ukuba athathe inxaxheba kwinkqubo yokuvota, sikwabuza nokuba uzakuvota kusini na kunyulo oluzayo...

55:10

INTERCHANGE| Rotavirus awareness-know the signs of dehydration

Abazali kunye nabo bagcina abantwana, bayabongozwa ukuba baqaphele iimpawu zokungabinamanzi ngokwaneleyo emzimbeni kwabantwana, njengoko intsholongwane irotavirus ibangela inkxalabo kwelilizwe. Amagosa ezempilo anike ingxelo yokonyuka ngamandla kwabo bachaphazelekayo ePitoli, kwakunye nokubhubha komnye. U-Amanda Xhala uncokole nentloko yeziko iCenter for Enteric Diseases at NICD, unjingalwazi Nicola Page......

06:31

TRUNEWS @6 - Pitso Mosimane officially unveiled as the Bafana Bafana head coach

Kule veki siyiqukumbelayo umbutho olawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, iSAFA, ibhengeze ngokusesikweni uPitso Mosemane njengomqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo, iBafana Bafana. UMosemane ungena kwizihlangu zikaHugo Broos obengumqeqeshi weli qela iminyaka emihlanu, de walisa kwitumente yebhola ekhatywayo yehlabathi ibisingathwe eMelika kulo nyaka. Uxanduva lokuqala uMosimane ajamenele nalo, kukuqinisekisa ukuba iqela lakhe lithatha inxaxheba kwi-AFCON yango-2027. U-Amanda Xhala uncokole nentatheli yezemidlalo kweli jelo, uSanele Nongauza…

08:03

TRUNEWS @6| At least two thousand candidates miss IEC deadline for local elections

Yimibutho engamashumi amane anesihlanu engakwazanga ukufaka abagqatswa bayo kwinkqubo yekomishoni yonyulo ezimeleyo.  Oku kuthetha ukuba bangaphezulu kwamawaka amabini abagqatswa abangazokukwazi ukuthatha inxaxheba kunyulo lomasipala oluzayo. Eminye imibutho ithi yaye yafumana ubunzima ngosuku lokufaka iinkcukacha zabagqatswa, isithi ingxaki yayikwicala le-IEC. Yimibutho eyi-547 ezakungenela unyulo kuleyo iyi 732 ebhalisiweyo. U-Amanda Xhala uncokole negosa eliphezulu lezonyulo eMpuma Koloni, uKhayakazi Magudumana....

04:49

TRUNEWS @6 - The ANC urges the IEC to urgently investigate technical failures on the Online Candidate Nomination System

I-ANC ihlabe ikhwelo kwikomishoni yezonyulo ezimeleyo, i-IEC ngamafuphi, ukuba iphande ngokukhawuleza ngamagingxingxingi obuchwepheshe bonxibelelwano ethi athintele lo mbutho ekubeni ufake abagqatswa bawo kwinkqubo yokuchongwa kwabagqatswa, ebizwa i-Online Candidate Nomination System ngolwasemzini. Oku kuza emva kokuba lo mbutho uhlangabezene namagingxi-gingxi ekufakeni uluhlu lwabagqatswa bawo abaza kukhuphisana kunyulo loorhulumente basekhaya. Noxa kunjalo, iIEC imi kwelokuba ayizokulandisa ixesha ebelisikiwe lokufaka uluhlu lwabagqatswa. Nants' ingxelo kaNtlantla Kgatlane isiza noLikho Jack...

03:39

TRUNEWS @6 - Eastern Cape builds on Tri-Province Tourism partnership with the Free State and Northern Cape provinces to grow the sector

Iphondo iMpuma Koloni lizibophelele ekomelezeni intsebenziswano kwezokhenketho namaphondo iFreystata, kwakunye noMntla Koloni. Le ntsebenziswano ijoliswe ekuphakamiseni amaxabiso okukhenketha aquka yonke into, izicwangciso zokhenketho oludibanisa iindawo ezahlukileyo, nentsebenziswano eyomeleleyo phakathi kwabo basebenza ngezokhenketho. Oku kuhambelana nomxholo walo nyaka wenyanga yokhenketho othi: Growing South Africa's Tourism Sector in the Digital Era. Ukuxoxa banzi ngalo mba, u-Amanda Xhala uthethe nomphathiswa wophuhliso loqoqosho, okusingqongileyo nokhenketho kwiphondo iMpuma Koloni, uNonkqubela Pieters...

10:39

TRUNEWS @6| COSATU concerned by delays on recruiting 10 thousand labour inspectors

Umfela-ndawonye weemanyano zabasebenzi iCOSATU, uthi uxhalabile kukungaqeshwa kwabahloli abaqinisekisa ukuthotyelwa kwemigaqo-nkqubo yezengqesho. Ngethuba umongameli uCyril Ramaphosa wayesenza intetho yakhe ebutsheni balonyaka, wabhengeza ukuba kuzakuqeshwa abahloli abangamawaka alishumi. Ziinyanga ezisixhenxe oku kungekenzeki. Ngethuba umphathiswa wezengqesho nemisebenzi uNomakhosazana Meth ephendula epalamente, uthe isebe lakhe lisakhangela imali kunongxowa wesizwe ukuze bakwazi ukuqala inkqubo yengqesho. U-Amanda Xhala uncokole nosisithethi seCOSATU, uZanele Sabela...

08:26

TRUNEWS @6 - The Impeachment committee has rescinded its decision of appointing Adv Thandazani Madonsela as evidence leader

Ikomiti yasePalamente ejongene nenkqubo yokususwa kukamongameli esikhundleni igqibe kwelokuba isiqwalasele ngokutsha isiphakamiso sayo ngokuchongwa kuka-Advocate Thandazani Madonsela, nje ngoza kukhokela ubungqina. Oku kusemva kweleta esuka kumongameli Cyril Ramaphosa ekhaba ukuchongwa kuka Madonsela. Kwileta ebithunyelwe kule komiti kwiveki ephelileyo, uRamaphosa uphakamise imiba emibini angaxolanga ngayo echaphazela uMadonsela ngokumayela nokungquzulana kwemidla. URamaphosa uthe wamkhupha uMadonsela phakathi kwabo babeza kuchongelwa kwikomishoni yeenkonzo zobulungisa, nje kancinane emva kokwenziwa kodliwano-ndlebe ngonyaka ka-2022, nolwalugxile ekuchongeni iJaji eyintloko, kwaye ngenxa yoko kusenokwenzeka ukuba uMadonsela usenengqumbo ngakuye. Umba wesibini umalunga neentetha zasesidlangalaleni zikaMadonsela ngokuphathelelene nobusela obehla kwifama iPhala Phala. Abacebisi bezomthetho basePalamente baxelele amalungu epalamente ukuba ukuchongwa kukaMadonsela kusemthethweni, kwaye akukho kungqubana kwemidla, kodwa ukuze kungabikho makhwiniba, kwakuba bubulumko eyokuba le komiti ikhe iyiphonononge ngokutsha le nyewe. UThandokazi Vusani usenzele le ngxelo kaZalene Merrington... 

04:50

TRUNEWS @6 - A new study shows how the cost-of-living crisis is increasingly forcing consumers to access dangerous, illegal lenders

Uphando lwakutsha nje lubonisa ukuba lenyukile inani labantu ababoleka imali koomatshonisa abangabhaliswanga. Nanjengoko uqoqosho loMzantsi Afrika lungomelelanga kwakunye namathuba engqesho engaphucuki, uluntu luye lubhenele koomatshonisa ukuze lukwazi ukuphila. U-Amanda Xhala uthethe nophuma kwi-National Credit Regulator, u-Akhona Mata, nosicacisele ngeendlela ezisemthethweni zokuboleka imali...

09:45

TRUNEWS @6 - The Constitutional Court has dismissed the application for review by former Presidents Jacob Zuma and Thabo Mbeki

Inkundla yomgaqo-siseko isikhabile isicelo sabo babesakuba ngoomongameli, uJacob Zuma kwakunye noThabo Mbeki, sokuba ujaji Sisi Khampepe azikhwebule nje ngosihlalo kuphando lwamatyala ekomishoni yenyaniso noxolelewaniso, i-TRC ngamafuphi. Kwinkundla ephakamileyo yaseRhawutini, esi sibini sasibanga ngelithi indima ka Khampepe yangaphambili, kuquka ukusebenza kwakhe nje ngomkomishinala we-TRC, kunye nesikhundla sakhe nje ngosekela-mlawuli wegunyabantu lezotshutshiso, kunokuchaphazela izigqibo zakhe kwezi nkqubo. Ukuhlalutya banzi le nyewe, uAmanda Xhala uthethe nengcali kwimiba yezomthetho, uGqirha Mkhuseli Vimba...

08:54

TRUNEWS @6 - Last day of registering Customary Marriages at Home Affairs

Ibilusuku lokugqibela namhlanje lokuba abo batshate umtshato wesiNtu bayo kubhalisa kwiSebe lemicimbi yekhaya. Oku kubhaliswa kwale mitshato kwaqala ngomhla wokuqala kweyoMsintsi ngo 2024. Imitshato yesiNtu yaye yanikwa ingqwalasela ngonyaka ka1998. Emnxebeni sinaye othethela iSebe lezemicimbi yezekhaya, uNdileka Cola...   

05:50

NEWS REVIEW| SA government encourages early-retirement to reduce the public sector's wage bill

Urhulumente woMzantsi Afrika uyaqhuba nokumilisela inkqubo yokukhuthaza ukuba abasebenzi baseburhulumenteni abasondele kwiminyaka yokuthatha umhlala-phantsi ukuba bawuthathe lingekafiki ixesha labo, i-early retirement. Eli lilinge lokucutha inkcitho karhulumente kwimivuzo nexabisa umyinge ka-32-point-one percent ekhulwini. Nangona kunjalo, kukho inkxalabo yokuba oku kuzakubanefuthe elibi kwicandelo laseburhulumenteni, kuba eli candelo lizakuphulukana nabasebenzi abanamava, umthwalo womsebenzi uzakongezeleka kwabo bashiyeke ngasemva; oku kuchaphazele umgangatho weenkonzo urhulumente azisa kuluntu. U-Ayabonga Kekana uye wancokola nonobhala-jikelele womfela-ndawonye wemanyano zabasebenzi iSAFTU uZwelinzima Vavi…

55:22

TRUNEWS "6- UK vows support for Ukraine despite threats from Russia

Kule veki inkulumbuso yase-United Kingdom u-Andy Burnham, ibenotyelelo kwilizwe i-Ukraine. Olu lutyelelo lwakhe lokuqala lwamazwe aphesheya kolwandle, kwaye olu tyelelo lubonwa lubaluleke kakhulu ekuqiniseni ubudlelane obuphakathi kwalamazwe mabini. Ibe kolu tyelelo apho uBurnham ethe i-UK izakuxhasa i-Ukraine ngezixhobo zokulwa kwimfazwe eqhubayo phakathi kwayo nelizwe iRussia. Yinto ke le iRussia engayamkelanga kwaphela, kuba ikhuphe isigrogriso sokuba izakuhlasela iinkampu zomkhosi wase-UK ukuba iyaqhubeka nokuxhasa i-Ukraine ngezixhobo. Inokuba yintoni ebangela ukuba i-UK ifune ukuxhasa i-Ukraine ngezixhobo kule mfazwe nje? U-Amanda Xhala uye wancokole noyingcali kwimiba yezopolitiko uProfessor Hennie Strydom...

06:03

TRUNEWS @6| Meta to settle R287 billion settlement over alleged harm to children on Facebook & Instagram

Inkampani uMeta elawula amakhasi onxibelelwano, uFacebook kunye no-Instagram ithiwe nka umdliwo wemali ebalelwa kwi-R287 billion yinkundla yaseMelika ngenxa yokuba la makhasi engakwazi ukhusela abantwana kula maqonga, kwaye ibenga ubomi babantwana emngciphekweni xa bewasebenzisa. Le nkampani nayo iye yavuma ukuba imiqathango eyibekileyo kula makhasi ayibakhuseli abantwana, kwaye neenkcukacha zabo xa bekula maqonga zisemngciphekweni wokubiwa zisetyenziswe kweziye iindawo. U-Amanda Xhala uye wancokola noyintloko kwicandelo lezifundo zobuntatheli kwiYunivesithi iRhodes, uGqirha Quatro Mgogo…

14:09

TRUNEWS @6| Investment on electric vehicles advances SA's green industrialisation agenda.

Lenyuke ngokuphinda-phindeneyo inani lokuthengiswa kwezithuthi ezihamba ngokusebenzisa umbane eMzantsi Afrika, kwikota yokuqala yalo nyaka. Nanjengoko abaqhubi ngoku beqalisa ukubhenela kwezi zithuthi ngenxa yokuxhoma kwamaxabiso amafutha ezithuthi, kodwa esona sizathu siphambili ikukunakekela okusingqongqileyo. Oku kukhuthazwa nazingqungquthela ezithi zisingathwe ukuqinisekisa uphuhliso kuveliso lwezi zithuthi. I-Yunivesithi iNelson Mandela isindleke ingqungquthela yaminyaka le i-uYilo eMobility Summit phantsi komxholo othi, "Accelerating Electric Mobility Implementation in South Africa: From Innovation to Industrial Participation". U-Amanda Xhala uncokole nolibambela-mlawuli oyintloko kwicandelo le-Hydrogen and Energy kwiSebe, uMandy Mlilo…

13:09
Close

Save video to ...