listen to Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM Current Affairs
Umhlobo Wenene FM Current Affairs

Umhlobo Wenene FM Current Affairs

News

UPHENDLO- SARA BAARTMAN ELECTION DEBATE

Kusasazo olukhethekileyo lwengxoxo-mpikiswano yamaqela ezopolitiko angenele unyulo loomasipala luka-2026, noluzakubajwa ngomhla wesine kweye Nkanga. Kulonyaka, iingxoxo mpikiswano zethu zigxila koomasipala benqila/sithili, hayi oomasipala basekhaya, njengoko besisenza ngaphambili. Kule nkqubo uYolanda Kambile kunye no-Ayabonga Kekana bakhokele ingxoxo-mpikiswano egxile kwinqila yase-Sarah Baartman enoomasipala abasixhenxe phantsi kwayo, umasipala iNdlambe, iMakana, iSundays River Valley, iKouga, iKoukamma, iBlue Crane kunye ne-Dr Beyer Naude. Bonke aba masipala baphantsi komasipala wesithili i-Sarah Baartman, eMpuma Koloni...

01:35:22

ZYK - MPOX

INTRO: Isebe lezempilo kuzwelonke limemelela kuluntu ukuba luqaphele njengoko liya lisanda inani labantu abafunyaniswe benesifo iMPOX eMzantsi Afrika. Isebe lithi uluntu maluqaphele iimpawu zesisifo, kulandela ukuqinisekiswa kwabantu esele benaso abathe bachaphazeleka kweziveki zigqithileyo. Esisifo besikhe saqhumbuka kweli nakunyaka ka 2024.

05:05

ZIBUZWAKUTHI - MADALNGA DAY 176

Usihlalo wekomishoni yeenkonzo zoluntu unjingalwazi Somadoda Fikeni, unika ubungqina kwikomishoni kaMadlanga ePitoli, ngendima yekomishoni yeenkonzo zoluntu bekhuthaza ulawulo olululo eburhulumenteni. U-Fikeni ulumkise ngomkhwa wamagosa wokuleqa ukugqiba umsebenzi, kodwa abe ebaleka ukuthatha uxanduva nokuphicothwa komsebenzi wawo. 

06:46

ZIBUZWAKUTHI - WEEKLY WRAP

Siqukumbela iveki sijonga imiba ibitshisa ibunzi kule veki ezindabeni.

11:47

ZIBUZWAKUTHI - TETE

Isalile isicelo sebheyile inkundla kamantyi yaseMdantsane eMpuma Koloni, samadoda amabini atyholwa ngokubandakanyeka ekubulaweni kwentshatsheli yamanqindi uZolani Tete. 

07:29

ZIBUZWAKUTHI - KILLING PSYCH

Umbutho olwela amalungelo amanina iBlack Women caucus, ukhokela umngcelele neminye imibutho ngaphandle kwesikhululo samapolisa, Ekurhuleni kwiphondo iGauteng. Lemibutho imemelela ukuba abasemagunyeni bathathe amanyathelo akhawulezileyo ukuqinisekisa ukhuselelo lwamanina kweli,  kulandela uthotho lweziganeko zokubulawa kwawo , nokuqinisekisa ukuba abo babandakanyekayo bayabanjwa bavelelwe ngokukhawuleza. 

14:36

LAPHUMA -SANTACO FORMALISATION

Kungenzeka iinguqu ezimandla kwicandelo leetaxi eMzantsi Afrika, xa kusungulwa inkqubo yokubhaliswa ngokusemthethweni kwabo bonke abo basebenza kwelicandelo. Abaqhubi beetaxi kwanabancedisi babo, bangathi baxhamle ngokwemisebenzi ekhuselekileyo nesisigxina kwelicandelo. Ngaphambili, umphathiswa wemicimbi yemali u-Enoch Godongwana, wavakalisa ukuba iziko lerhafu yeli uSARS lizama ukwandisa amacandelo ahlawuliswa irhafu ngqo, aquka elee taxi nabaqhubi bee E-hailing. Ukushukuxa banzi lomba kwanefuthe loku kwicandelo leetaxi, sihleli nesithethi seSANTACO kuzwelonke, uRebecca Phala.

29:28

ZIBUZWAKUTHI - MADLANGA DAY 176

Usihlalo wekomishoni yeMadlanga ePiolti, uJustice Mbuyiseli Madlanga, uthi ubungqina esele buvelile kule komishoni bubonakalisa ubuzaza bongenelelo lolwaphulomthetho kwinkqubo yezobulungisa. Ezi ntetha ziza nanjengoko le komishoni iphawula unyaka sukela yasekwayo. 

04:02

ZIBUZWAKUTHI - NOSIVIWE

Libuyele kwakho kwiNkundla ephakamileyo echophe ePitoli ityala lorhwaphilizo, ngakobefudula engumphathiswa kwisebe lomkhosi wokhuselo, uNosiviwe Mapisa Nqakula. 

07:32

ZIBUZWAKUTHI - KEMPTON CRISIS

Kuphinde kwafunyanwa omnye umzimba wowasetyhini eDawn Park, Ekurhuleni, ngale ntsasa. Ukubhaqwa kwalo umzimba kulibeka inani labasetyhini abafunyenwe bebhubhile kule ndawo nakwiindawo ezingqongileyo kwisithoba. 

15:09

ZIBUZWAKUTHI - BODY BORKSBURG

Abasemagunyeni baqhuba uphando ngeziziganeko, ukanti abahlali bona bathi baphila ngoloyiko. Ukufumana uhlalutyo olubanzi nokuqwalasela eziziganeko, sikrwece ingcali kwimiba yolwaphulo-mthetho, uGqirha Mxolisi Mathebula.

11:21

LAPHUMA - BODY KZN

Kufunyenwe umzimba wowasetyhini uthiwe tyaa kwindawo yokulahla inkunkuma engekho-mthethweni eCopesville eMgungundlovu, kwiphondo iKwaZulu Natal.  Amapolisa athi izandla zalo wasetyhini bezibotshelelwe ngasemva kuye kwaye unamanxeba aliqela okutsha. Lo mzimba  ufunyenwe usongelwe ngengubo ngumqokeleli wenkunkuma. Ukanti kungoku- nje usapho lwase Copesville olukhangela  intombi yalo edukileyo enememinyaka engamashumi amathathu anesine ubudala, lunexhala lokuba lomzimba ingangowalo....

03:31

LAPHUMA - SA METROS LOAN

Sixoxa ngemali-mboleko ekhutshelwe uMzantsi Afrika ukuze uphucule iziseko ezingundoqo nonikezelo lweenkonzo koomasipala abambaxa abasilelayo ukwenza oku...

28:23

APHA - IEC

Ngabagqatswa abangapha kwekhulu elinamashumi amathathu anesithandathu amawaka (136 790) abazakukhuphisana kunyulo looMasipala, oluzakubanjwa ngomhla wesine kweyeNkanga kulo nyaka.  Oku kubhengezwe yiNgqonyela yekomishoni yonyulo ezimeleyo i-IEC, uSy Mamabolo, ngethuba idakanca iziphumo zenkqubo yokuqosheliswa koluhlu labagqatswa, kuquka neenkqubo ezilandelayo ezihlakulela umhla wonyulo, kwindibano namajelo eendaba ngale mvakwemini. Oku kuza nanjengoko inkundla yezonyulo namhlanje izichithile iinzame zombutho we-ANC, zokufuna lenkundla iguqule isigqibo se-IEC sokungamkeli uluhlu lwabagqatswa balo mbutho koomasipala abathandathu, emva kokuba i-ANC isilele ukungenisa ngokusesikweni amagama ababagqatswa phambi komda obubekiwe yile komishoni. Ukanti i-IEC ikwachaze ukuba bangaphezu kwamawaka amahlanu (5096) abantu abakhutshiweyo kuluhlu labagqatswa, ngenxa yokungafikeleli kwimiqathango ebibekiwe. Ngolurhatya siqwalasela ukuba konke oku kuthetha ukuthini kuwe njengomvoti, ngoobani abazakuvela kumqulu wokuvota, nokuba abemi beli bangaqhuba njani ukulungiselela umhla wovoto. 

29:12

APHA - MADLANGA DAY 176

Ikomishoni yophando kaMadlanga ive ukuba nokuba iinkundla zeli zingasebenza kakuhle kangakanani na, kodwa ukuba inkqubo yezobulungisa ibhetye-bhetye, oko kungenza ukuba kubenzima ukukhupha iziphumo ezizizo, kuquka nentatho-xanduva. Le komishoni ikwave nokuba amazwe adinga inkqubo eyahlukileyo yokuhlola nokuphanda abo bangena ezikhundleni, kuquka neenkqubo zokubavavanya, nekufanele ukuba zenzelwe ukuba zihambelane nomngcipheko othile, amaziko nemingemi yorhulumento. Oku kuthethwe ngoyingcali ephezulu ephanda iziganeko zorhwaphilizo kwicandelo lezemali kwibhanka yehlabathi, iWold Bank, uLaura Pop. Ubungqina bakhe busekelezelwe kumava amazwe afana neKenya, iMoldova, iUkraine ne-Albania, ngokubhekiselele kwiinkqubo ezahlukileyo zokuphandwa nokuvavanywa kweenkundla. Ubungqina obungqamene nokuvavanyelwa ukulungela umsebenzi bubaluluke kakhulu, kuba buyanceda ekuqinisekiseni ukuba abantu abaqeshwa kwizikhundla zolawulo bayafikelela kwimiqathango emisiweyo yentembeko, ukuzimela geqe,  nokulungela umsebenzi. 

04:42

ZIBUZWAKUTHI - COSATU N ANC REAX

Inkongolo yeshumi elinesihlanu yomfelandawonye wabasenzi iCosatu, ayikwazanga ukuqhubeka njengoko ibucwangcisiwe. Kubekho ukungaboni ngasonye phakathi kweemanyano eziyinxalenye yalomfelandawonye, ezivakalise ukungaxoli ngumba kasekela nobhala wokuqala we Cosatu, uMike Shingange.

10:53

ZIBUZWAKUTHI - MADALNGA DAY 174

Ingcali ephanda iziganeko zorhwaphilizo yamazwe ngamazwe, uLaura Pop, inika ubungqina kwikomishoni kaMadlanga ePitoli. UPop uthi sele kumzuzu elilungu lecandelo eliphanda iziganeko zorhwaphilizo kwibhanka yehlabathi, ekwalilungu leqela eliphanda ukugudiswa kwemali eze ngondlela mnyama, kwanokubuyisa izinto ebezizuzwe ngondlela mnyama kumazwe angamashumi amabini, kuquka uMzantsi Afrika. 

05:34

ZIBUZWAKUTHI - NQAKULA

Libuyele kwakho kwiNkundla ephakamileyo echophe ePitoli ityala lorhwaphilizo, ngakobefudula engumphathiswa kwisebe lomkhosi wokhuselo, uNosiviwe Mapisa Nqakula. 

09:29

ZIBUZWAKUTHI - COSATU

Zime ngxi iinkqubo zenkongolo yeshumi elinesihlanu kazwelonke yomfela ndawonye wabasebenzi iCOSATU, eMidrand, njengoko kuye kwakho iyantlukwano phakathi kwamahlakani eCosatu malunga nobunkokeli balo mfelandawonye, kunye neziqinisekiso zabathunywa. 

08:14

ZIBUZWAKUTHI - ANC vs IEC

Umbutho we-ANC ulahliwe lityala kwinkundla yezonyulo eBloemfontein eFrey'Stata.

06:09
Close

Save video to ...