listen to Umhlobo Wenene FM Current Affairs
APHA - ANC
Iqoqo eliphezulu le ANC, (NEC) ukutsho, lizithathele ingqalelo izikhalazo zombutho woluntu, iMarch and March, ngelithi zinesihlahla, kwaye ziyavakala nezinyanzeliso zabo. Eli qela lilawulayo, lithi umba wokufudukela kwabemi bamanye amazwe kweli, ngaphandle kwamaphepha afanelekileyo, yingxaki ethe tshitshilili kwihlabathi liphela. Eli qoqo liphezulu le ANC ekuthatheni izigqibo, lithi inkoliso yezi ziganeko, alinokuyichaza njengokubukulwa kwabemi bamanye amazwe.
APHA - RAMAPHOSA REAX
Eminye imibutho yezopolitiko ePalamente, ithi iyaliqwalasela inyathelo likaMongameli Cyril Ramaphosa, lokucel'umngeni ezinkundleni, ingxelo yegqiza elizimeleyo likaSection 89. Nangona kunjalo, le mibutho ithi kumele uqhube umsebenzi weKomiti, esekelwe ukuphanda ukuba makashenxiswe kusini na uMongameli, esikhundleni sakhe. Kungokunje, uMongameli sele ewafake ngokusesikweni amaphepha kwinkundla ephakamileyo yaseNtshona Koloni, ukuze iqwalasele lengxelo engebholo lasePhala Phala. Le ngxelo, yaafumanisa ukuba uMongameli kufuneka ephendule ngesiganeko sokuqhekezwa kwefama yakhe, iPhalaphala, eLimpopo, kweyoMdumba ngo2020, nalapho kwabiwa imali ezidollar zaseMelika. Ngalomzuzu, uMongameli ufuna nje kuphononongwe lengxelo, hayi ukuba kumiswe inkqubo yekomiti yePalamente.
ZIBUZWAKUTHI - ANC BRIEFING
Umbutho i-African National Congress, ubambe inkomfa noonondaba ngeziphumo zendibano yekomiti yeqoqo lolawulo lalo mbutho ebibanjwe ngempelaveki. Phakathi kwemiba ephambili ebixoxwe kule ndibano ye NEC sisicwangciso sonyulo seANC ngaphambi konyulo looMasipala oluzayo, inkqubo yokuchongwa kwabagqatswa kwizikhundla zoosodolophu kwanemiba yangaphakathi kumbutho ebandakanya ukutyunjwa kweenkokheli zethutyana kwiphondo leMpuma Koloni nase Gauteng.
LAPHUMA - STATUS OF BOY CHILD
Ukungaphakanyiswa kwemingeni ejamelene nabantwana abangamakhwenkwe eMzantsi Afrika kubesesithatheni ngethuba kunikezelwa ngokusesikweni ngengxelo engemontlalo yabo, i-Status of Boys in South Africa Report. Le ngxelo inikezelwe kubaphathiswa bamasebe amathathu ngethuba kuqatshelwa usuku lwehlabathi lwamakhwenkwe i-International Day of the Boy Child. Le ndibano ibikukuqwalasela iinzame sebe lemfundo esisiseko libambisene neminye imibutho zokuqinisekisa ukuba abantwana abangamakhwenkwe ababekelwa bucala kumba kamakulinganwe. Sihleli nophuma kumbutho iLifeline uWilly Qwabe...
APHA - GUN DEMAND IN SA
Lonyukile inani labantu abafaka izicelo zelayisenisi zemipu eMzantsi Afrika kule minyaka imbalwa igqithileyo, kwaye oku kwenzeka ngethuba kukho inkxalabo ngolwaphulo mthetho nokucuthwa kwemipu okuthukuzayo. Iinkcukacha eziphuma kwabenkonzo yesipolisa uSAPS zibonisa ukuba kukho ukonyuka okubonakalayo kwizicelo zelayisenisi kuleminyaka ilishumi elinesihlanu igqithileyo, nani elo eliye laqatsela phakathi kuka2020/21. Abenkonzo yesipolisa bachaze ukuba bafumene izicelo ezingaphaya kwamashumi alithoba anethoba amawaka phakathi kuka2018/19. Ezizicelo zifikelele ngapha kwekhulu elinamashumi amathathu amawaka phakathi kuka2024/25, ntoleyo ebonisa ukonyuka ngomyinge wamashumi asixhenxe ekhulwini kwiminyaka emithandathu. Oku kuphakamise umbuzo wokuba sisuka phi esisidingo singaka sokuthenga imipu? Ophuma kumbutho wabantu abanemipu uGideon Joubert, ukholelwa ukuba oku konyuka kwezicelo zabantu abafuna ukuba nemipu kubangelwa ngabo abathenga imipu ngeenjongo zokuzikhusela kulwaphulo mthetho. Ezinye iingcali zivakalisa ukuba kwa lemipu ithengwa ngeenjongo zokuzikhusela kulwaphulo mthetho iphinda eminye ibiwe kwaye iphelele ezandleni zabaphuli mthetho.
APHA - AFRICA DAY DBN
Imibhiyozo yokuphawula usuku lwe Afrika(Africa Day( ngolwasemzini eThekwini kwiphondo iKwaZulu Natal ibanjwe ngethuba kukhula ukujongana ngezikhondo zamehlo phakathi kwabemi beli nabamanye amazwe abangenamaphepha mvume wokuba kwimimandla eyahlukileyo yeli phondo. Nangona bekubanjwe imingcelele yoqhankqalazo echasene nabemi bamanye amazwe, kodwa amakhulu abemi beli abangungelene ukubhiyozela olu suku bebonakalisa umanyano lwama Afrika, inkcubeko nobunini. Lo msitho uyinxalenye yokuphawula i Africa Day ngemibhiyozo eqala eKing Dinuzulu Park ukuya kwiDurban Playhouse. Inkulu baphathiswa uThami Ntuli ebekhokhele le mibhiyozo nalapho ingxam yentetho yakhe ibigxile kumakhwelo amemelela ubumbano nokuqiniswa kwemigaqo yokungena nokuphuma kwabemi bamanye amazwe.
ZIBUZWAKUTHI - MURDER
Amapolisa aseMpuma Koloni abambe indoda eneminyaka engamashumi asixhenxe anesithandathu ubudala, emva kokudutyulwa kubulawe umntu omnye, ze konzakala ababini kwilali eBantini eNgqeleni. Othethela amapolisa kwiphondo, uBrigadier Nobuntu Gantana uthi umfi kwakunye nabanye ababini bebeyokuchola iinkuni ehlathini ngethuba kusehla esi siganeko.
ZIBUZWAKUTHI - AFRICA DAY
Inyanga kaCanzibe iphawulwa njengenyanga yokubhiyozela iAfrika apho abantu baseAfrika benethuba lokubhiyozela ubuzwe nolwimi lwabo lwenkobe. Kwangaxeshanye inyanga kaCanzibe isisikhumbuzo sokusekwa kombutho wemanyano yamazwe ase-Afrika, nowasekwa ngonyaka ka-1963 kwaye wamkelwa njengenyanga ye-Afrika kwilizwekazi liphela. Olu suku lubhiyozelwa ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kuCanzibe. Owona msitho mkhulu waseburhulumenteni wosuku uququzelelwa lisebe lezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko, ubanjelwe kwiphondo loMntla Ntshona.
UPHENDLO - AFRICA DAY
Umhla wamashumi amabini anesihlanu kulenyanga ka Canzibe, lusuku ekuphawulwa ngalo kwaye kubhiyozelwa ukuzingca ngokuba ngumAfrika, olwaziwa njenge Africa day. Olu suku luphawula ukubunjwa kombutho wemanyano yamazwe ase-Afrika, i-OAU, ngonyaka ka-1963, nekungokunje lo mbutho ubizwa i-African Union. Lo mbutho waasekwa ngeenjongo zokuphakamisa umanyano, inkululeko nentsebenziswano phakathi kwamazwe elizwekazi iAfrika, ngelixa lokufumana ukuzimela kwawo emva kwenkqubo yobuKoloniyali. Nangona kunjalo, kule minyaka ingaphaya kwamashumi amathandathu wasekwayo, usajongene nemingeni eliqela ekukwazini ukufezekisa ezimbono zawo kweli lizwekazi. Sihleli nengcali yenkcubeko kwimibandela yobu Afrika, u-Prof Simphiwe Sesanti, noNjingalwazi Bheki Mngomezulu onguMhlalutyi wezoPolitiko nezamazwe ngamazwe, ukusizobela intsusa yeengxaki ezijamelene neAfrica nokuzama ukuza nomkhomba-ndlela....
ZYK - ANCESTRAL CALLING
INTRO: Kubaluleke kangakanani ukuba amaziko emfundo ephakamileyo axhotyiswe ngobizo lwenkolo yesintu okanye ukuthwasa? Lo ngumbuzo ubuphendulwa kwinkomfa ibibanjwe kwiziko-mfundo iNelson Mandela University eGqeberha, nebisingathwe ngumbutho iNational Association for Student Development Professionals. Le ndibano ibidibanise abathunywa abangapha kwekhulu nalapho beshukuxwa imingeni ejamelana nabafundi abathwasayo kumaziko mfundo aphakamileyo.
APHA - CONCOURT BACKLOG
Umbutho woluntu iFreedom Under Law, ulumkise ngelokuba inkundla yomgaqo-siseko yeli ijamelene noxinizelelo olumandla olubeka umngcipheko wokuba ingakwazi ukwenza umsebenzi wayo ngokugqibeleleyo. Oku kudakancwe kwingxelo yalombutho ekhutshwe kuleveki, enesihloko sithi " A review of the Constitutional Court's jurisdiction and operating practices, in light of its increased workload and consequential delays". Le ngxelo igxile kwizicelo zezibheno, ukukhula kweqondo lokulibaziseka kwemisebenzi yayo kwakunye nemingeni eyibeka phantsi koxinezelelo. Ngokwalengxelo ye FUL, liphinda-phindene kathathu inani lezicelo ezifakwa kulenkundla ukusukela ngo 2010, nalapho ifumana izicelo ezisondele kumakhulu amane ngonyaka. Ngaxeshanye, ukulibaziseka kokubanjwa kweenkqubo zokuphonononga ubungqina kwakunye nokuwiswa kwezigwebo, kuphinda-phindene kabini kule minyaka ingamashumi amabini egqithileyo, ngelixa izicelo zezibheno zihlala iinyanga zingekasonjululwa. Lengxelo iza kanye ngexesha inkundla yomgaqo siseko ijamelene nezigxeko ngokulibaziseka kokuwiswa kwezigwebo, ingakumbi kumba wokuwiswa kwesigwebo ngebholo le Phala Phala, nokuthathe iinyanga ezilishumi elinesixhenxe.
APHA - MKP TURMOIL
Umbhodamo wobunkokheli wakutsha nje kumbutho Umkhonto Wesizwe, uphakamise imibuzo ngobumbano kubunkokheli beli qela phambi konyulo loorhulumente basemakhaya. Kwezakutshanje, iqela i MK linqumamise isithethi salo mbutho esikwalilungu lePalamente uNhlamulo Ndhlela, ngezityholo zeentetha azenzileyo. Amarhe ngawokuba oku kudale iyantlukwano nangakumbi kubunkokheli beli qela, nanjengoko abanye bexhasa uNdhlela.
ZIBUZWAKUTHI - REFUGEES
Inyambalala yabemi bamazwe angaphandle ichithe obunye ubusuku ilele phandle, kwelityeli kwiziko lokwamkela iimbacu iMoore eThekwini KwaZulu Natal. Oku kwenzeka nangona isebe lemicimbi yezekhaya liqinisekisa ukuba uninzi lwabo lunawo amaphepha-mvume okuhlala kweli kusini na. Eli qela lithuthwe ukusuka kwiziko iDiakonia izolo, ngethuba kuqalwa inkqubo yokuqinisekisa amaphepha-mvume okuhlala ngokusemthethweni. Ubemnye umntu ofunyaniswe engenamaphepha, nothe kamva wabanjwa. Nangona kunjalo, uninzi lwabo luthi lusenoloyiko lokubuyela kwiindawo oluhlala kuzo.
ZIBUZWAKUTHI - WEEKLY WRAP
Umbutho we ANC uthi amanye amalungu alombutho acelumngeni ukusekwa kweqela lethutyana kwiphondo iMpuma Koloni, afuna nje kungabikho zinzo kwi-ANC. Oku kuza emva kokuba unobhala jikelele walombutho kuzwelonke uFikile Mbalula, ebhengeze ngokusesikweni eliqela lethutyana emva kokuphela kwexesha lolawulo lwesigqeba ebesiselulawuleni. Oku kuza emva kokuba lombutho wafeda ukubamba inkomfa yokonyula iinkokheli kweyoKwindla kulo-nyaka. Kwelinye icala, umbutho iMKP uthi uqwalasela iindlela zokomeleza ungenelelo lwesicwangciso sokwenza iinguqu kulombutho, ngaphambi kokubanjwa konyulo loomasipala ngomhla weSine kweyeNkanga kulonyaka. Lombutho uthi oku kuquka ukuguzulwa kwesithethi salombutho uNhlamulo Ndhlela kwisikhundla sakhe. Kungokunje lombutho utyumbe obefudula eyintatheli kwanomhleli weendaba uSifiso Mahlangu njengesithethi o esitsha salombutho.
ZIBUZWAKUTHI - CRIME WATCH
Abahlali bakwaZakhele eGqeberha kwiphondo iMpuma Koloni, babambe umngcelele ochasene nolwaphulo mthetho, ukuthengiswa kweziyobisi, kwanabemi bangaphandle abangenamaphepha asemthethweni okubakweli. Lo mngcelele ukhokelwa lilungu leActionSA elalibhexesha inkqubo kamabonakude uSizok'thola, uXolani Khumalo. IGqeberha yachazwa njengendawo yesithoba enobungozi nekubulawa kuyo abantu kwihlabathi liphela. Ngenxa yoku, umongameli uCryil Ramaphosa watyala amajoni ukuba ayokuncedisana namapolisa ukusiphula neengcambu ulwaphulo-mthetho kwesi sixeko.
LAPHUMA - NATIONAL DIALOGUE COMMITTEE
Ikomiti kazwelonke ejongene nengxoxo yesizwe iNational Dialogue, yamkele ngokusesikweni imigaqonkqubo ezakuchankcatha phezu kwayo nesicwangciso ezakusebenza ngaso xa iqalisa nesigaba esilandelayo kumsebenzi wayo. Oku kukuhlahl' indlela kwiinkqubo zale ngxoxo yesizwe nezakuqalisa nesigaba esilandela kwinyanga ezayo. Umongameli Cyril Ramaphosa waabhengeza ukusekwa kwengxoxo kazwelonke nezakuphalaphula iimbono nezimvo zoluntu kuzwelonke, ijonga izinto ezidlumzi ezijamelene nabemi beli lizwe kubomi bamihla le. Umongameli waabhengeza amagama wabantu abangosaziwayo abaphuma kumacandelo aliqela njengabo bazakukhokela lenkqubo. Sihleli nesithethi seNational Dialogue Steering Committee uQhambisa Tengile....
APHA - ANC BRIEFING
Unobhala jikele we ANC uFikile Mbalula, kulindeleke abhengeze iqela lethutyana lephondo, iProvincial Task Team, kuGompo kwiphondo iMpuma Koloni ngolurhatya. Oku kuza emva kokuphelelwa lixesha kwesikhokelo ebesikhona. Lombutho uye wafeda ukubamba inkomfa yokonyula iinkokheli kweliphondo kweyoKwindla kulonyaka, emva kokuba amalungu angaxolanga kulombutho afaka isithintelo senkundla.
APHA - FF-PLUS
Iqela iFreedom Front Plus, liliphehlelele ngokusesikweni iphulo lalo elikhuthaza ukubhalisela uvoto phantsi komxholo othi"It's Our Time". Eli qela likwazise ngokusesikweni uxwebhu lwalo lokugaya inkxaso yonyulo eCenturion ePitoli. Owenze intetho ephambili kulo msitho yinkokheli yalo mbutho uCorné Mulder, noxelele abaxhasi beli qela ukuba i ANC isilele ngokucacileyo ukufezekisa izidingo zabemi beli, ngenxa yolawulo lwayo olutenxileyo.
ZIBUZWAKUTHI - FOREIGNERS GOV
Ukukhula kwengxwabangxwaba ebandakanya abemi bamazwe angaphandle abangena zimpepha mvume zokuhlala kweli eThekwini kwiphondo iKwaZulu Natal, kuyaqhuba kuphakamisa inkxalabo emandla, nanjengoko iqela labaphambukeli lisithi lifuna ukhuseleko lwamapolisa nakumaziko oluntu ngelithi loyikisela ubomi babo. Ngelixa uluntu luvakalisa ukukhathazeka ngumba wabantu bamazwe angaphandle kweli, imeko yentswela ngqesho, nolwaphulo-mthetho, abaninzi banemibuzo ngokuthi cwaka kuka rhulumente ngokuphathelele kule meko.
ZIBUZWAKUTHI - MARCH FOREIGNERS
Umbutho i-March and March uthi awugungqi kwikhwelo lokuba mabagoduke abantu bamazwe angaphandle abahleli kweli bengenawo amaphepha asemthethweni okuba kweli. Lo mbutho uqhuba nemigushuzo kumaphondo aliqela, uvakalisa ukungaxoli yindlela urhulumente awusingethe ngawo lomba.
Save video to ...