listen to Tru Fm Current Affairs
TRUNEWS @6 - 16 June 1976, Half A Century Later: Where Are The Youth?
Inyanga yeSilimela eMzantsi Afrika yenye yeenyanga ezibaluleke kakhulu kwimbali yenkululeko yeli. Le nyanga ikwaziwa njengeyanga yolutsha nephawula isiganeko sango-1976 ngomhla weshumi elinesithandathu, apho ulutsha lweli lwaqhankqalaza luchasa inkqubo yokufundiswa ngolwimi lwesibhulu. Kulo nyaka, kuphawulwa iminyaka engamashumi amahlanu sukela ukwehla kwesi siganeko. Yilonto icandelo lorhulumento kwiziko-mfundo i-Wits eGauteng, lizakubamba indibano phantsi komxholo othi: 16 June 1976, Half A Century Later: Where Are The Youth? Kwaye kulindeleke ukuba umphathiswa wesebe lolutsha, amanina kunye nabo baphila nokhubazeko uSindiswa Chikunga, abeyinxalenye yale ndibano. Ukusabela banzi koku, emnxebeni uAmanda Xhala uhleli noGqirha Asanda Fotoyi, ophuma kule Yunivesithi ...
TRU NEWS @6| How was the "Bafana Bafana" nickname coined?
Ayabonga Kekana is in conversation with the researcher and retired sports editor, Molefi Mika who tells us how the "Bafana Bafana" nickname was coined in the early 90s. In this conversation, Mika starts by responding to the question of why the national team got the Four-by-Four nickname...
TRU NEWS @6| Fort Hare University opens a speech therapy clinic in kuGompo City
I-Uyinivesithi yaseFort Hare kwisixeko sakuGompo, eMpuma Koloni inikezela iinkonzo zasimahla zokunceda uluntu olunengxaki yokuthetha, iSpeech Therapy ngolwasemzini. Le klinikhi izakusebenza ngendlela ezimbini, ukunikezela iinkonzo eluntwini ngelithuba ikwanikezela ngoqeqesho kubafundi abenza izifundo ezijongene neengxaki zokungakwazi ukuthetha kakuhle, phakathi kwezinye izinto. Amanda Xhala is in converstion with the Clinical coordinator, Refiloe Masinge...
TRU NEWS @6| Election Wednesdays: Who should register to vote?
Siyaqhuba nakule veki ukuncokola nekomishoni yonyulo ezimeleyo i-IEC, nanjengoko iqhuba nokufundisa uluntu ngeenkqubo ezimayela novoto. Oku kuza nanjengoko kushiyeke iinyanga ezine phambi kokuba kubanjwe unyulo loomasipala ngoNovember. Namhlanje sizakuphendula umbuzo ongokubaluleka kokubhalisela unyulo. U-Amanda Xhala uncokole nosekela-manejala kwa-IEC eMpuma Koloni, uMasindi Mosehana...
TRUNEWS @6 - South Africa's economy grows by zero-point-five percent
Uqoqosho loMzantsi Afrika luthe nyi ngo 0.5% kwikota yokuqala ka2026, lusuka ku0.4% kwikota yokugqibela ka2025. Iinkcukacha zamva nje ezikhutshwe liziko leenkcukacha manani loMzantsi Afrika iStatsSA, zibonisa ukuba oku kuxhaswe kukumimitheka kwamacandelo ezolimo, elemicimbi yemali, elorhwebo, elothutho nelezimbiwa. Uhlumo lubekho kumacandelo alithoba kwalishumi aqwalaselwe nguStatsSA, ngaphandle kwelemveliso nto leyo ibenechaphaza elibi kuhlumo kweli xesha liqwalaselweyo. Emnxebeni uAmanda Xhala ubambe oyigcali kwimiba yezoqoqosho, uGqirha Asanda Fotoyi...
TRUNEWS @6 - OR TAMBO Subpoenaed over water crisis
Ikomishoni ejongene namalungelo oluntu eMzantsi Afrika kwi-ofisi yayo eseMpuma Koloni, ibinenkqubo yokunyanzelisa amagosa aphezulu omasipala wesithili saseOR Tambo ukuba anike ubungqina ngokugunyaziswe yinkundla, naquka usodolophu nomanejala walo masipala. Oku kulandela inkxalabo eqhubayo malunga nokungafikeleli koluntu kumanzi acocekileyo kwesasithili jikelele. Ezinkqubo zihambiselana nomsebenzi walekomishoni wokuphakamisa, ukhusele amalungelo oluntu loMzantsi Afrika. To hear more about this on the line Amanda Xhala is now joined by Dr Eileen Carter, the HRC EC provincial manager....
TRUNEWS @6 - The Portfolio Committee on Home Affairs reacts to the President's address
Ikomiti ejongene nemicimbi yezekhaya epalamente iyamkele intetho yaphezolo kamongameli uCyril Ramaphosa, ngelithi izakuba sisiseko sokusabela kumba wokungena ngokungekho mthethweni kwabantu kweli. Usihlalo wale komiti, uMosa Chabane, uthi imhemhe kungokunje ilele kumaSebe karhulumente abandakanyekayo, ukuba amilisele lo myalelo ucacileyo nogqalileyo ubhengezwe ngumongameli. Ukusabela kulo mba, emnxebeni uAmanda Xhala ubambe usihlalo wale komiti epalamente, uMosa Chabane...
TRUNEWS @6 - Government plans new measures to tackle illegal immigration
Ngethuba ethetha nesizwe izolo, uMongameli Cyril Ramaphosa ubhengeze ukuba urhulumente uqinisa iinzame zokubuyisela ucwangco kwinkqubo ejongene nokufika kwabantu kweli loMzantsi Afrika. UMongameli ubhengeze uthotho lweenkqubo zongenelelo ezijoliswe ekuqiniseni ulawulo lwemida, ukuqinisa unyanzeliso lomthetho kunye nokuphucula iinkqubo zeSebe lezeKhaya. Amanyathelo aquka ukusetyenziswa okuphuculweyo kweenkqubo zeBiometrics, iinkqubo zokugoduswa kwabantu ngokukhawuleza kunye namanyathelo ekufuneka ethathiwe ngakwabo baqeshe abemi bangaphandla abangenamaphepha asemthethweni. Ukuncokola ngezi nzame, emnxebeni uAmanda Xhala uhleli nophuma kwiSebe lezekhaya, uThulani Mavuso...
NEWS REVIEW| Analysis on President Ramaphosa's address on imigration
U-Ayabonga Kekana uncokole nomhlalutyi wezopolitiko uGqirha Nkosikhulule Nyembezi uyasincedisa ukuhlalutya intetho kamongameli uCyril Ramaphosa ngommba odl’umzi. Umba omayela nemithetho elawula ukuphuma nokungena kwabantu kweli nabasuka kwabanye amazwe. Intetho kaRamaphosa iza nanjengoko kuqhuba ukujongana ngezikhondo zamehlo phakathi kwabemi boMzantsi Afrika nabo basuka kwamanye amazwe. Abemi beli batyhola abanye abemi bamazwe angaphandle ngokubandakanyeka kulwaphulo-mthetho, ukuthatha imisebenzi yabo nokubalapha ngekungekho-mthethweni phakathi kwezinye izinto.
INTERCHANGE| Nelson Mandela University students address student hunger
Ngamawaka abafundi kumaziko emfundo ephakamileyo abathi bayeke isikolo ngenxa yendlala. Kukho nophando oluveza ukuba baphakathi komyinge we11 per cent kunye no 38-point-eight per cent abafundi abathwaxwa yindlala kwii-Yunivesithi zeli. Oku kwenzeka nanjengoko abanye abafundi bengafumani nkxaso-mali nakumaziko engxowa-mali exhasa abafundi afana no-NSFAS. Yiloo nto ke umbutho wabafundi kwiziko-mfundo iNelson Mandela University apha eGqeberha, phantsi kombutho i-HUB 2, beqhuba iphulo lokukhawulelana nalo mngeni. U-Ayabonga Kekana uncokole nenkokheli yalo mbutho uBongani Momoti…
Child Protection Week shines a spotlight on boys as victims of sexual violence
Iveki esiyiqukumbelayo ibiphawula ukhuseleko lwabantwana, iChild Protection Week. Phakathi kwezinye izinto ezithe zanikwa ingqwalasela kukuxhatshazwa kwamakhwenkwe ngokwesondo. Uphando olwenziwe nguGqirha Neziswa Titi nophuma kwiziko-mfundo i-University of Cape Town lubonisa ukuba kusenzima amakhwenkwe athethe ngokuphandle ngeziganeko zoxhatshazo xa zithe zabehlela kuba bengafuni ukubonwa njengabantu ababhetye-bhetye okanye bangabonakali njengamadoda. Olu phando lukwaphakamisa ukuba ukuvunyelwa kokukhuselwa kwamalungelo abantwana bonke nokuqinisekisa uphuhliso lwabo kwiindawo abakhulela kuzo. Intatheli yeli jelo u-Ayabonga Kekana uncokole nomphandi uGqirha Neziswa Titi nalapho eqale wambuza ngemvela phi yolu phando...
TRUNEWS @6 - 30 FOR 30 Campaign
UMzantsi Afrika ubhiyozela iminyaka engamashumi amathathu kulo nyaka, sukela oko kwathi kwasekwa umgaqo-siseko weli. Umgaqo-siseko weli uqulathe amalungelo oluntu, nekufuneka ethotyelwe, ekhuselwe, kwaye anganyhashwa nangubani na. Namhlanje siza kuqwalasela uSection 11-12 kaChapter 2 womgaqo-siseko. Ezi section zimbini zithetha ngelungelo lokuphila, inkululeko nokhuseleko lomntu. Ukusicacisela banzi ngalo mba, emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli nengcali kwimiba yezomthetho, uAdv Dumisani Appollos...
TRUNEWS @6 - EC Human Settlement Department introduces a new payment system
Isebe lokuhlaliswa koluntu kwiMpuma Koloni lizise utshintsho kuhlobo lokuhlawula oonoKontraka abanesivumelwano soshishino norhulumente sokwakha izindlu. Olu tshintsho luza kubona ngoku oonoKhontraka behlawulwa xa bewugqibile umsebenzi wolwakhiwo lwezindlu, kunokuba bahlawulwe kwizigaba zomsebenzi. Isebe linenkolelo yokuba olu tshintsho luza kukhawulezisa inkqubo yokukhawulelana nomthwalo wezindlu urhulumente ekusafuneka azakhe ephondweni, nezibalelwa ku-38 thousand. Emnxebeni uAyabonga Kekana uhleli nothethela iSebe apha ephondweni, uYanga Funani…
TRUNEWS @6 - Over 360 000 pupils in eight provinces are undocumented
Uphando olwenziwe yi-Education Labour Relations Council, lubonisa ukuba abafundi abangaphezulu kwe 360-thousand kumaphondo asibhozo, abanazazisi. Oku kubonisa umngeni kwinkqubo yobhaliso eMzantsi Afrika. Lengxelo isiwe phambi kwekomiti yasepalamente nalapho lekomiti ivakalise ukuba kufuneka amasebe karhulumente ohlukileyo angenelele. Ukungabikho kwenani elichanekileyo labafundi ezikolweni, kubangela ukuchaphazeleka kwenkxaso yemali eyaneleyo ephuma kwisebe lemfundo esi siseko. Olu phando lwenziwe kwizikolo eziyi 21-thousand-174 nakubafundi abayi 11.7 million. Ayabonga Kekana is in discussion with attorney Mametlwe Sebei from the Lawyers for Human Rights...
TRU NEWS @6| IEC's online Voter Portal
Ikomishoni yonyulo ezimeleyo i-IEC, ikhuthaza abemi boMzantsi Afrika nabaselungelweni lokuvota ukuba basebenzise iqonga labo lobuchwepheshe be-internet nelibizwa ukuba yi-Voter Portal, ukubhalisela unyulo loomasipala oluzakubanjwa ngenyanga ka-November. U-Ayabonga Kekana unconoke nosekela manejala wekomishoni i-IEC eMpuma Koloni uMasindi Mosegana…
How do economic shocks influence the Reserve Bank decisions?
Iimfazwe ezigqubayo kwiinkalo ezahlukileyo zehlabathi, ungquzulwano ngokwezopolitiko norhwebo, nokuxhoma kwamaxabiso eemveliso noko kusisidingo kuluntu, zezinye izinto ezibonwa njengemingeni echaphazela uhlumo loqoqosho eMzantsi Afrika. Ngesingesi ezi zinto zibizwa kokuba zii-Economic Shocks kwaye zinalo nefuthe kwiqondo lentengo yeemveliso, i-inflation. Nto leyo enokuba nefuthe kuhlobo abantu abahlawula ngayo amatyala, kwabakuthengayo neqondo lenzala kwimali-mboleko. Umntu oza kusicacisela ngoku, ngoyingcali kwimiba yezoqoqosho nophuma kwiziko i-Institute for Economic Justice, uGqirha Mzwanele Ntshwanti kolu dliwano-ndlebe noAyabonga Kekana…
Level 8 weather warning issued for several parts of the Eastern Cape
Abenkonzo yemozulu iSouth African Weather Services, bakhuphe isilumkiso esikwisigaba sesibhozo semozulu embi kwezi ntsuku zimbini zilandelayo, kwimimandla ethile eMpuma Koloni. Ukusabela banzi kulo mba, uAyabonga Kekana ubambe emnxebeni isanuse semozulu esiphuma kwa-South African Weather Services, u-Ayabonga Tshungwana…
TRU NEWS @6| Makashule Gana elected Chair of the Impeachment Committee
Olilungu lombutho iRise Mzansi ePalamente, uMakashule Gana, wonyulwe njengosihlalo wekomiti eza kuchophela inkqubo yokususwa kukamongameli, uCyril Ramaphosa. UGana, igama lakhe liye laxhaswa sisininzi samalungu ale komiti, nangamashumi amabini anethoba. Igama lakhe liphakanyiswe ngumbutho i-ANC kule komiti, ze lafumana inkxaso kwi-DA, ngethuba nemibutho efana ne-PA kwakunye ne-IFP nayo iye yamxhasa uGana ukuba abe ngusihlalo wale komiti. Elinye igama ebeliphakanyisiwe lelo lika-Gqirha Lehlohonolo Mahlatsi, wombutho i-United Africans Transformation, liphakanyiswa yi-EFF, kodwa ke akhange lifumane voti zaneleyo. On the line now Ayabonga Kekana is joined by the newly elected Impeachment Committee Chair, Makashule Gana, to discuss what to going forward…
UK Commissioner visits EC
Umkomishinala ophezulu kwi-ofisi yese-United Kingdom, nezinze apha eMzantsi Afrika u-Antony Phillipson, uqhuba utyelelo oluntsuku-ne apha kwiphondo iMpuma Koloni. Injongo yolu tyelelo, kukuqinisa ubudlelane obuphakathi kwala mazwe mabini, nokulandelela iinkqubo ela lizwe elaathi lazimilisela kumacandelo awohlukileyo, kwizigaba zorhulumento kunye noshishino. Ngokobudlelane borhwebo, uMzantsi Afrika ukwindawo yama-28 yamazwe aqhuba urhwebo ne-UK, ngethuba i-UK ikwindawo yesihlanu kumazwe amakhulu arhweba nawo uMzantsi Afrika. Ngethuba encokola noMkomishinala Phillipson, u-Ayabonga Kekana uqale wambuza ngokubaluleka kobu budlelane borhwebo phakathi kwala mazwe mabini…
HRC Disband Petition
Kukho izimemelelo zokuba kuchithwe ikomishoni yamalungelo oluntu yoMzantsi Afrika. Sele kukho ipetishoni enemityikityo engaphezulu kwe 20-thousand yokuba eliziko leChapter 9 lichithwe. Kubangwa ngelithi lekomishoni iyasilela ukwenza umsebenzi wayo wokukhusela abemi boMzantsi Afrika. Emnxebeni uAyabonga Kekana ubambe oqale le petishoni uLwazi Gwijane...
Save video to ...